kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Indumiso yosezintlungwini, ezohlwaya

1. Yehova, musa ukundohlwaya únoburhalarhume,Ungandithethisi únobushushu:

2. Ngokuba iintolo zakho zitshoné kum,Sehla kanzima kum isandla sakho.

3. Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam, ngenxa yokubhavuma kwakho;Akukho kuphila emathanjeni am, ngenxa yezono zam.

4. Ngokuba ubugwenxa bam bugqithile entlokweni yam,Bundisinda njengomthwalo onzima.

5. Iyanuka, iyabhiqiza imivumbo yam,Ngenxa yokumatha kwam.

6. Ndiyapenapena, ndisibekeke kakhulu;Yonke imini ndihamba-hamba ngezimnyama zokuzila.

7. Ngokuba kuyatshisa emihlubulweni yam,Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam.

8. Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu;Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam.

9. Nkosi yam, úphambi kwakho wonke umnqweno wam,Nokuncwina kwam akusithele kuwe.

10. Iphaphu lam liyabetha, ndiphelélwe ngamandla;Ukukhanya kwamehlo am, nako oko, akukho kum.

11. Abandithandayo nowethu bamele mgama ekubethweni kwam,Nezalamane zam zimi kude.

12. Bandithiyele abafuna umphefumlo wam;Abangxamele ukuba ndihlelwe bububi bathetha izinto zokweyelisela,Bacamanga inkohliso imini yonke.

13. Ke mna ndinjengesithulu, andiva;Njengesidenge esingawuvuliyo umlomo waso.

14. Ndinjengomntu ongeva nto,Omlomo ungenakuthethisa.

15. Ngokuba ndilindéle kuwe, Yehova;Kuya kuphendula wena, Nkosi yam, Thixo wam,

16. Ngokuba ndithi, Hleze bandivuyeleleBona abo bangázikhulisayo kum ekutyibilikeni konyawo lwam.

17. Ngokuba ndihlalele ukujingxela,Umvandedwa wam uphambi kwam amaxesha onke.

18. Ngokuba ndiya kubuxela ubugwenxa bam;Ndinesithukuthezi ngenxa yesono sam.

19. Ke zona iintshaba zam ziphilile, ziziimfidi;Baninzi abandithiyileyo bexoka;

20. Abandibuyekeza ngobubi esikhundleni sokulungileyoBayandichasa, ngenxa yokuphuthuma kwam okulungileyo.

21. Musa ukundishiya, Yehova;Thixo wam, musa ukuba kude nam.

22. Khawuleza undincede,Nkosi yam, Msindisi wam.