kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 66 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umbongo ngenxa yemisebenzi kaThixo emangalisayo

1. Dumani kuThixo, nonke hlabathi,

2. Lubetheleni uhadi uzuko lwegama lakhe,Mzukiseni, mdumiseni.

3. Yithini kuThixo, Hayi, ukoyikeka kwemisebenzi yakho!Ngenxa yobuninzi bamandla akho ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho.

4. Lonke ihlabathi liya kukunqula,Bakubethele uhadi;Balibethele uhadi igama lakho. (Phakamisani.)

5. Yizani, nibone imisebenzi emikhulu kaThixo,Engowoyikekayo ekwenzeni kwakhe koonyana babantu.

6. Wáluguqula ulwandle lwayinto eyomileyo;Bawuwela umlambo ngeenyawo;Apho savuya ngaye.

7. Ulolawula ngobugorha bakhe ngonaphakade;Amehlo akhe ayabonisela ezintlangeni;Abaziinjubaqa mabangaziphakamisi. (Phakamisani.)

8. Mbongeni, zizwe, uThixo wethu,Nivakalise ilizwi lendumiso yakhe.

9. Ulomisa umphefumlo wethu ebomini,Àkalunikela unyawo lwethu ekutyibilikeni.

10. Ngokuba ùsicikidile, Thixo;Ùsinyibilikisile njengokunyibilikiswa kwesilivere;

11. Ùsingenise emboniselweni;Ùbeke uxinzelelo esinqeni sethu;

12. Ùkhwelise abantu entlokweni yethu;Singéne emlilweni nasemanzini;Waza wasikhuphela endaweni enendyebo.

13. Ndiya kungena endlwini yakho ndinamadini anyukayo;Ndiya kuzizalisa kuwe izibhambathiso zam,

14. Eyazivulelayo imilebe yomlomo wam,Owazithethayo umlomo wam ekubandezelweni kwam.

15. Ndiya kunyusela kuwe amadini anyukayo eemvana ezityebileyo,Ndawonye nesiqhumiso seenkunzi zeegusha;Ndiya kwenza aweenkomo ndawonye naweenkunzi zeebhokhwe. (Phakamisani.)

16. Yizani, nive, ndinixelele, nonke nina bamoyikayo uThixo,Oko akwenzele umphefumlo wam.

17. Ndadanduluka kuye ngomlomo wam;Kwaye ukubonga kuphantsi kolwimi lwam.

18. Ukuba bendisekeleze ubutshinga ngentliziyo yam,INkosi yam ibingayi kuphulaphula.

19. Hayi ke, uThixo uphulaphule,Úlibazéle indlebe ilizwi lomthandazo wam.

20. Makabongwe uThixo,Yena ungawugxothanga umthandazo wam,Nobubele bakhe kum.