kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 104 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ubuqaqawuli bukaThixo endalweni

1. Mbonge uYehova, mphefumlo wam.Yehova, Thixo wam, umkhulu kakhulu;Wàmbethe indili nobungangamela.

2. Ulothi wambu ukukhanya njengengubo,Ulolaneka izulu njengelengalenga lentente;

3. Ulohlanganisa emanzini imiqadi yamagumbi akhe aphezulu;Ulowenza amafu inqwelo yakhe,Ulohamba ngamaphiko omoya;

4. Ulowenza izithunywa zakhe imimoya,Abalungiseleli bakhe umlilo olenyayo.

5. Wáliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo,Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.

6. Wáligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho,Ema amanzi phezu kweentaba.

7. Ekukhalimeni kwakho asaba,Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;

8. Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo,Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.

9. Wàmisa umda ukuba angegqithi,Angabuye awugubungele umhlaba.

10. Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni;Ihamba phakathi kweentaba;

11. Iseza zonke iinyamakazi zasendle;Amaesile asendle aqabula inxano lawo.

12. Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu,Zitsholoza phakathi kwamasebe;

13. Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu;Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho.

14. Ulontshulisela iinkomo utyani,Nomfuno wokunceda umntu;Ukuze kuphume isonka emhlabeni.

15. Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu;Bukhazimle ubuso ngeoli,Isonka siyixhase intliziyo yomntu.

16. Iyahlutha imithi kaYehova,Imisedare* yaseLebhanon awayityalayo,

17. Apho zakhela khona iintaka;Ingwamza, isemisipresini* indlu yayo.

18. Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo,Amawa azímela iimbila.

19. Inyanga wayenzela amaxesha ayo,Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo.

20. Wènza ubumnyama wena, kube sebusuku,Ashukume ngabo onke amarhamncwa ehlathi.

21. Iingonyama ezintsha zigqumela ukuqwenga,Zifuna ukudla kwazo kuThixo.

22. Lakuthi chapha ilanga, ziyahlanganisana,Zibuthume ezikhundleni zazo.

23. Úyaphuma umntu aye emsebenzini wakheNasenkonzweni yakhe, ahlwise.

24. Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova!Zonke ziphela uzenzé ngobululumko;Ùzele umhlaba zizidalwa zakho.

25. Nâlo ulwandle lulukhulu, lubanzi ngeenxa zombini;Kulapho kuzinambuzane zingenakubalwa,Ezincinane kwanezikhulu izinto eziphilileyo.

26. Kulapho kuhamba iinqanawa;Nango umnenga owawubumbela ukudlala kulo.

27. Zonke ezo nto ziphela zikhangele kuwe,Ukuba uzìnike ukudla kwazo ngexesha elililo.

28. Ùyazinika, ziyachola;Ùyasivula isandla sakho, ziyahlutha kokulungileyo.

29. Ùyabusithelisa ubuso bakho, ziyakhwankqiswa;Ùyawuhlanganisa umoya wazo, ziphume umphefumlo,Zibuyèle eluthulini lwazo.

30. Ùthuma umoya wakho, ziyadalwa,Ubuhlaziye ubuso bomhlaba.

31. Ubuqaqawuli bukaYehova mabube ngunaphakade;UYehova makavuye ngezenzo zakhe;

32. Ulobheka emhlabeni, uzamazame;Uchukumisa iintaba, ziqhume.

33. Ndiya kuvuma kuYehova lo gama ndidla ubomi,Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingokhoyo.

34. Makube nencasa kuye ukucamngca kwam;Mna ndiya kuvuya ngoYehova.

35. Mabagqitywe ehlabathini aboni,Bangabi sabakho abangendawo.Mbonge uYehova, mphefumlo wam,Haleluya!