1. UYehova ngumalusi wam, andisweli lutho.
2. Wénza ukuba mandibuthe emakriweni aluhlaza;Úndithundezela emanzini angawokuphumla.
3. Úyawubuyisa umphefumlo wam;Úndikhaphela ezindleleni zobulungisa ngenxa yegama lakhe.
4. Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa,Andiyi koyika bubi, ngokuba ùnam wena;Intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela.
5. Ùndilungisela isithebe phambi kwababandezeli bam,Ùyithambisa ngeoli intloko yam,Indebe yam iyaphalala.
6. Inene, ndiya kulandelwa kokulungileyo nencebaYonke imihla yobomi bam,Ndihlale endlwini kaYehovaImihla emide.