kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 77 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Imisebenzi emikhulu yamandulo kaThixo ekhunjulwa ngexesha lenkathazo

1. Izwi lam lisingisa kuThixo, ndikhala;Izwi lam lisingisa kuThixo, ukuba andibekele indlebe.

2. Ngemini yokubandezelwa kwam ndiquqela eNkosini yam;Isandla sam solukile ebusuku, asaqoba;Awavuma ukuthuthuzeleka umphefumlo wam.

3. Ndikhumbula uThixo, ndincwine;Ndithelekelele, utyhafe umoya wam. (Phakamisani.)

4. Ùzibambile iinkophe zamehlo am,Ndikhandiwe, andaba nakuthetha.

5. Ndicinga ngemihla yamandulo,Iminyaka yasephakadeni;

6. Ndiya kukhumbula ebusuku ukubetha kwam uhadi;Ndithetha nentliziyo yam, uphengulula umoya wam.

7. Ndithi, Iya kundihlamba ngonaphakade na iNkosi yam,Ingabi saphinda iphathe ngetarhu na?

8. Iphelé yaphela na inceba yayo?Sígqibele na isithembiso sayo kwisizukulwana ngesizukulwana?

9. UThixo ukulibele na ukubabala?Uyivingcele ngomsindo kusini na imfesane yakhe? (Phakamisani.)

10. Ndide ndithi ke, Sisifo sam esi;Yiminyaka yesandla sokunene sOsenyangweni.

11. Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova;Ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo.

12. Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho,Ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo.

13. Thixo, isebungcweleni indlela yakho;Ngubani na onguthixo omkhulu njengoThixo wethu?

14. UnguloThixo, wenza ngokubalulekileyo;Wawazísa amandla akho ezizweni,

15. Wabakhulula ngengalo abantu bakho,Oonyana bakaYakobi noYosefu. (Phakamisani.)

16. Akúbona amanzi, Thixo,Akúbona amanzi, azibhija-bhija,Ewe, agungqa amanzi enzonzobila;

17. Amafu engqingqwa aphalaza amanzi,Isibhakabhaka savakalisa isandi;Ewe, iintolo zakho zahamba-hamba.

18. Izwi lendudumo yakho laba sesaqhwithini,Imibane yalikhanyisa elimiweyo,Lagungqa lanyikima ihlabathi.

19. Yaba selwandle indlela yakho,Nomendo wakho waba semanzini amaninzi;Àwaziwa umkhondo wakho.

20. Wabakhokela njengezimvu abantu bakho,Ngesandla sooMoses noAron.