kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Isikhalo embandezelweni nengoma yombongo

1. Thixo wam, Thixo wam, undilahleleni na?Ùkude ngani na ekusindisweni kwam, nasemazwini okubonga kwam?

2. Thixo wam, ndiyabiza emini, ungaphenduli;Nasebusuku ndiyabiza, andithozanyiswa noko.

3. Ùngcwele ke wena,Ungulohlala ezindumisweni zakwaSirayeli.

4. Oobawo bákholosa ngawe,Bakholosa, wabasiza;

5. Bakhala kuwe, basinda;Bakholosa ngawe, àbadana.

6. Ke mna ndingumbungu, andimntu;Ndisisingcikivo soluntu, into edelekileyo ebantwini.

7. Bonke abandibonayo bayandigculela;Bayasineka, bahlunguzela intloko;

8. Bathi, Makazilahlele kuYehova, amsize,Amhlangule kaloku, ngokuba emthandile.

9. Ewe, nguwe umtyhobozisi wam esizalweni,Inkolosisi yam ndisemabeleni kama.

10. Ndalahlelwa kuwe kwasesizalweni;Kwasembilinini kama ubunguThixo wam.

11. Musa ukuba kude nam, ngokuba isondele imbandezelo,Ngokuba akukho mncedi.

12. Ndingqongwe ziinkunzi ezininzi,Ndihlanganyelwe zeziziimbalasane zaseBhashan.

13. Zindakhamele umlomo wazo,Njengengonyama eqwengayo, egqumayo.

14. Ndiphalele njengamanzi,Ahlukene onke amathambo am;Yanjengomthwebeba intliziyo yam,Inyibilikile phakathi kwezibilini zam.

15. Omile njengegophe amandla am,Ulwimi lwam lunamathele ekhuhlangubeni lam;Undibeka eluthulini lokufa.

16. Ngokuba izinja zindirhawule,Ibandla labenzi bokubi lindingungele;Bagqobhoza izandla zam neenyawo zam.

17. Ndinokuwabala onke amathambo am;Bòna bayandijonga, bayandibonela,

18. Babelana ngeengubo zam,Isambatho sam basenzela amaqashiso.

19. Ke wena, Yehova, musa ukuba kude;Mandla am, khawuleza undincede.

20. Wuhlangule ekreleni umphefumlo wam,Okuphela kwawo, ethupheni lenja.

21. Ndísindise emlonyeni wengonyama,Nasezimpondweni zenqu ùya kundiphendula.

22. Ndiya kulazisa igama lakho kubazalwana bam,Ndikudumise phakathi kwebandla, ndithi,

23. Nina nimoyikayo uYehova, mdumiseni;Nonke, mbewu kaYakobi, mzukiseni,Nimhlonele nina, mbewu yonke kaSirayeli.

24. Kuba azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana;Akabusithelisanga ubuso bakhe kuye;Ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula.

25. Ivela kuwe indumiso yam ebandleni elikhulu;Nezibhambathiso zam ndiya kuzizalisa phambi kwabamoyikayo.

26. Baya kudla abalulamileyo, bahluthe;Baya kudumisa uYehova abamngxamelayo.Ngamana yaphila intliziyo yenu ngonaphakade!

27. Ziya kukhumbula zibuyele kuYehova zonke iziphelo zehlabathi,Iqubude phambi kwakhe yonke imizalwane yeentlanga:

28. Ngokuba bobukaYehova ubukumkani,Nguye umlawuli ezintlangeni.

29. Baya kudla, baqubude, bonke abatyebileyo behlabathi;Baya kuguqa phambi kwakhe bonke abatshona eluthulini,Abangàwugciniyo umphefumlo wabo.

30. Imbewu iya kumkhonza;Kuya kubaliselwa isizukulwana ngayo iNkosi.

31. Baya kuza baxele ubulungisa bayoKubantu abaza kuzalwa, ukuba oko ukwenzile.