kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 108 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umbongo kuThixo nomthandazo wokucela uloyiso

1. Izimasekile intliziyo yam, Thixo,Ndiya kuvuma, ndibethe uhadi,Kwanozuko lwam.

2. Vukani, mrhubhe nohadi;Ndiya kusiphangela isifingo.

3. Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Yehova,Ndikubethele uhadi phakathi kwezizwe.

4. Ngokuba inkulu ngaphezu kwezulu inceba yakho,Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho.

5. Zíphakamise ngaphezu kwezulu, Thixo,Bube phezu kwehlabathi lonke ubuqaqawuli bakho.

6. Ukuze zihlangulwe iintánda zakho,Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule.

7. UThixo uthethe engcwele; mandivuyelele,Ndimàbe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti.

8. Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase,UEfrayim sisigcina-ntloko sam,UYuda yintonga yam yommiselo;

9. UMowabhi sisitya sam sokuhlambela,Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam;Ndiduma ngelamaFilisti.

10. Ngubani na owondisa emzini onqatyisiweyo,Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?

11. Asinguwe na, Thixo, lo usihlambileyo?Akwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu.

12. Síncede kumbandezeli wethu;Alunto yanto usindiso lomntu.

13. NgoThixo siya kweyisa,Abagqushe yena ababandezeli bethu.