1. Síthi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo.Bonákalisile, balisikizi ngobugqwetha babo;Akukho wenza okulungileyo.
2. UThixo esemazulwini uqondele koonyana babantu,Ukubona ukuba ukho na oqiqayo,Ofuna uThixo.
3. Bonke babuyé umva, bayimbozisa bephelele;Akukho wenza okulungileyo,Akukho nokuba abe mnye.
4. Àbanakwazi na abasebenzi bobutshinga,Ábathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka,Bangamnquli uThixo?
5. Apho bánkwantya benkwantyile, phofu kungekho nto inkwantyisayo;Ngokuba uThixo wawathi saa amathambo omngqingi wakho;Wabadanisa, ngokuba uThixo ebebacekisile.
6. Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli!Ekubuyiseni kukaThixo abantu bakhe ekuthinjweni,Wógcoba uYakobi, avuye uSirayeli.