kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 39 Ibhayibhile (XHO96)

Izigidimi zaseBhabheli

1. Ke kaloku ngelo xesha ukumkani waseBhabheli, uMerodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, weva ukuba ukumkani uHezekiya ubekhe wagula wabuya wachacha. Ngoko wambhalela iileta, wazithumela ngezigidimi kunye nesipho.

2. Zifikile ke, uHezekiya wavuya, wazamkela, waza wazibonisa konke okwakukoovimba bakhe: isiliva, igolide, ubulawu, neziqholo, ngokunjalo nazo zonke izikrweqe zomkhosi. Wazingenisa kubo bonke oovimba bakhe, akwabikho nto zingayibonanga apho ebhotwe nakubukumkani bakhe buphela.

3. *Umshumayeli uIsaya ke waya kukumkani uHezekiya, wafika wabuza wathi: “La madoda ebevela phi, efuna ntoni khona?”UHezekiya uphendule wathi: “Aphuma kwelikude, eBhabheli, esiza kum.”

4. “Ngaba kukho nto ayibonileyo ke apha komkhulu?” ubuzile umshumayeli.UHezekile uphendule ngelithi: “Akukho nto angayibonanga. Ndiwangenise kubo bonke oovimba bam.”

5. Waza ke uIsaya wathi kuHezekiya: “Nali ke ilizwi *likaNdikhoyo onamandla onke:

6. ‘Ngenene kuza ithuba apho yonke into elapha komkhulu nalo lonke ilifa elashiywa ngooyihlo ukuza kuthi gaa namhlanje, liya kuthinjwa, lifuduselwe eBhabheli.’ Ewe, uNdikhoyo uthi akukho nto iya kusala.

7. Abanye kubazukulwana besinqe sakho kanye baya kuthinjwa, baze benziwe amathenwa, babe zizicaka kwibhotwe lokumkani waseBhabheli.”

8. “Eli lizwi likaNdikhoyo ulithethayo lifanelekile,” uphendule watsho uHezekiya. Kaloku wayesithi: “Noko kuya kubakho inzolo nokhuseleko ngemihla yokudla kwam ubomi.”