kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 35 Ibhayibhile (XHO96)

Ibuyambo

1. Intlango nomqwebedu ziya kuchulumacha;elibharhileyo loba nemihlali liqhakraze njengentyatyambo.

2. Intlango yomemelela idlokove luvuyo;yoba yinzwakazi enjengeentaba zaseLebhanon,yochuma njengamasimi aseKarmele naseSharon.Bonke bobubona ubungangamsha *bukaNdikhoyo,bucace ubuhandiba nokomelela koThixo wethu.

3. Izandla ezinomkhinkqi mazomelele,namadolo anengevane atsho adlamke.

4. Thetha namagwala, uthi:“Qinani, ningabi nentaka!Kaloku uyeza uThixo wenu;uza epheth' impindezelo.Nank' egush' imbuyekezo;ewe, uza kunihlangula.”

5. Kaloku ke kobona nemfama le yembala,zitsho zivuleke neendlebe zesithulu,

6. nesiqhwala sidlobe sitsiba-tsibe okwempunzi;nezimumu zomemelela ngemihlali.Kaloku kompompoza amanzi nasentlango,kugqabhuke imilambo nakwelibharhileyo.

7. Intlabathi evuthayo yojika ibe lichibi,umhlab' okhothekileyo uphanjwe yimithombo.Asisathethi ke ngeendawo zikadyakalashe,kuba zona zoba yimigxobhozo yemizi neengcongolo.

8. Apho ke kothi tyaba uhola;leyo ke kothiwa yindlela yobungcweleekungekho namoni woze athi cakatha kuyo,nasiyatha solahlekisa mntu kuyo.

9. Kuyo soze kubekho ngonyama,ingasoze ihanjwe narhamncwa;kuphela ngabakhululwe nguNdikhoyoabaya kudakasa kuloo ndlela.

10. Abasindisiweyo nguNdikhoyo bobuyela eZiyon benemihlali,bengqungqa bememelela ngochulumacho.Soze babe sazana neentsizi nenkxwaleko;boxhamla ulonwabo naphakade.