kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 24 Ibhayibhile (XHO96)

Ihlabathi liza kohlwaywa

1. *UNdikhoyo uza kulibharhis' ihlabathi;uya kubetha kutsho kube senkangala;uya kulitsho lenz' uqulukubhode,abemi balo bona babe ziintsali.

2. Akayi kukhetha bani;kubo bonke ukufa kobe kunkongolo.Kofana kumbingeleli nakwibandla,ibe yiloo nto kumnumzana nesicaka sakhe;kube kwanjalo kwinkosikazi nesicakazana,kumthengi nakulowo uthengisayo;kube yiloo nto kumboleki nakumbolekisi,kwizityebi nakwabo balambileyo.

3. Ihlabathi liya kuba yinkangala exushekileyo;liya kuba ngumqwebedu oxhwithekileyo.Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.

4. Nâlo ihlabathi lirhawuka, litshaza.Ewe, ihlabathi liyangcungcutheka, liyabuna;isibhakabhaka nomhlaba ziyatshitsha.

5. Uluntu luligqwalisile eli hlabathi;ngokwaphula imiyalelo kaThixo bonakalisile.Ewe, imimiselo yakhe bayikrobozile,baza bawuxusha ngeenyawo umnqophiso waphakade.

6. Ngoko ke liqalekisiwe ihlabathi,nabemi balo ke libambethe ityala.Ewe, uluntu nalo ke lutsho larhawuka;ngoku liqaqobana kuphela eliseleyo.

7. Izidiliya nazo ke zitshazile,newayini ke itsho yanqaba;ababefudula bonwabile bathe rhubaxa.

8. Ingoma ekhatshwa yingqongqo inqamkile,imikhwazo yolonwabo nayo iphelile,ukuhlasimlisa kwesigingci kukombela.

9. Intselo-tywala ayisakhatshwa yimihlali;ngoku utywala buyakrakra nakwiindla-manzi.

10. Isixeko nâso sitsho sangumbhodamo;iminyango yezindlu ke yona ivalwe mba.

11. Ezitalatweni phaya balilela utywala;imivuyo yabo ijike yakukudakumba;imihlali nolonwabo zimkile ehlabathini.

12. Isixeko ngoku sisele singamabobosi,nesango likroboke lavuthuluka.

13. Kuya kuba njalo ke ehlabathini jikelele;nantso ke into eya kwenzeka ezizweni zonke:koba ngathi lixesha lokubethwa komnquma,ngathi sisidiliya esivunwe sakhwahlazwa.

14. Abo basindileyo baya kutsholoza bantyiloze;entshona baya kuduma bakhahlelengenxa yobungangamsha bukaNdikhoyo;bothi: “Bayethe!”

15. Nina basempuma, yitshoni ngendumasi;nani baselunxwemeni, dombozani nibonge uNdikhoyo;ewe, mdumiseni uThixo kaSirayeli.

16. Ingoma yezibongo ivakala eziphelweni zehlabathi:“Hayi, ubungangamsha baLowo ulilungisa!”Athi ke mna – kuxa bendiyintoni na kakade!Ewe, kunyembelekile, akukho yam kwaphela!Abangcothozi bona benza ngokungcothoza;ngokungcatsha kwabo abangcatshi bayangcotsha.

17. Yeha ke nina, bemi bahlabathi,anikho kukunkwantya imigibe nenzonzobila!

18. Nobenevuso wasaba kuba esoyika;woth' esabaleka eyele enzonzobileni.Omnye wogwencel' aphum' emhadini,suka ke arhintyelwe zizabatha.Kaloku amazul' ayivulele imvula,zatsho zangcangcazela iziseko zehlabathi.

19. Ngenene ke ihlabathi lona livikivekile;ewe, nangoku ke liqhaqhambile,linyikime lachachamba laboko-boko.

20. Ihlabathi ke logxadazela njengenxila;lophephuka okwephempe mhla ngomoyakazi.Ihlabathi liyasindeka zizono zalo;losuka lithi folokohlo kube sisiphelo eso.

21. Ngaloo mhlandini ke uNdikhoyo uya kohlwaya,athi ekwiinginginya zasemazulwini ezulwini phezulu,abe ekwizikumkani zezizwe ehlabathini phantsi.

22. Zoba lugxudululu kunye ndawonyenjengamabhantinti kwamnyama-ndawo esiseleni,wona anyathelana phakath' entolongweni,de kube ziintsuku zamkele isohlwayo.

23. Nyangandini ke yona yombatsha igqubuthele,nelanga life ziintloni litsho lizile,kuba uNdikhoyo uSomandla-onke elawula,ethe zava kwintaba iZiyon eJerusalem,ubuqaqawuli bakhe buthe tha kumadod' amakhulu.