kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 56 Ibhayibhile (XHO96)

UThixo ngoweentlanga zonke

1. *UNdikhoyo uthethe wenjenje:“Yenzani okusemthethweni noko kulungileyo.Kaloku usindiso lwam lukufuphi,nobulungisa bam buza kutyhileka.

2. Unoyolo ke umntu owenjenjalo,nditsho umntu oyibambisisayo,lowo uwuhlonelayo *uMhla wokuPhumla,umntu ongawudeliyo awuxabhele,nditsho ozigcinayo angenzi bubi konke.”

3. Intlanga ezibandakanya noNdikhoyo mayingathi:“Inene uNdikhoyo wondikhetha kubantu bakhe.”Nendoda elithenwa mayingakhalazi ithi:“Mna ndinjengomthi ongenahlumela.”

4. Kumathenwa uNdikhoyo uthi:“Ukuba niyawuhlonela *uMhla wokuPhumla,ukuba nizimisele ukwenza izinto ezindikholisayo,niwugcine ngokupheleleyo umnqophiso wam,

5. ndonenzela isikhumbuzo negama endlwini yam,elingaphezu kokuba noonyana neentombi,nditsho igama elingasoze litshitshe.

6. Iintlanga ezizibandakanya noNdikhoyo,ezizinikeleyo kuye zimsebenzela,ezizimiseleyo ukuba zizicaka zakhe,lowo uwuhloneleyo uMhla wokuPhumla,umntu ongawudeliyo awuxabhele,owuthobelayo pheleleyo umnqophiso wam –

7. abanjalo ndobasa kwintaba yam eyodwa,bonwabe endlwini yam yokuthandaza.Amadini abo atshiswayo kunye neminikeloaya kwamkeleka kwiqonga lam lamadini.Kaloku indlu yam kothiwa yindlu yokuthandaza iintlanga zonke.”

8. Utsho ke uMhlekazi uNdikhoyo,nditsho umqokeleli weembacu zikaSirayeli:“Ndisaza kuqokelela nabanyengaphandle kwâbo sendibaqokelele.”

Iinkokheli ziyagxekwa

9. Yizani nonke, marhamncwa, nibaqwenge,nina zinyamakazi nezilo zamahlathi.

10. Kaloku iinkokheli zabo aziboni,zizonke nje zititsekilenqwa nezinja ezimumekileyo,nditsho izinja ezingakhonkothiyo,ezibhuqa-bhuqeka zide ziphuphe,ezilangazelela ubuthongo kuphela.

11. Zifana nqwa nezinja ngokunyoluka;zizingxala ngokutya, kodwa azihluthi.Zinjalo nezi nkokheli, zivaleke mba;zonke zenza ngokuzithandela;ngulowo nalowo usemva kwenzuzo.

12. Ungaziva zisithi:“Yizani sihambe siye etywaleni;masibutye sibuphathe ngeembambo.Nangomso yiloo nto – okanye kothi kratya!”