kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 45 Ibhayibhile (XHO96)

Ukumiselwa kukaKoreshi

1. Wenjenje *uNdikhoyo ukuthethanomthanjiswa wakhe uKoreshi,Kwiincwadi zesiNgesi kuthiwa nguSirasiamthe jize ngegunya namandla oloyiso jikelele,khon' ukuze avuthulule ookumkani,avulelwe zonke iingcango,angathintelwa ngamasango esixeko:

2. “Ndim ngokwam oya kukutshayelela;iinduli neentaba ndosuka ndizilebele,amasango enziwe ngobhedu ndiwakroboze,nemivalo yentsimbi ndiyivuthulule.

3. Ndokunika ubutyebi obunqatyisiweyo;ewe, obugcinwe kwiindawo ezifihlakeleyo.Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo kaSirayeli;ngenene ndim okubize ngegama.

4. Ngenxa yesicaka sam uYakobi,nditsho uSirayeli endimnyulileyo,ndikubize ngegama,ndakuthi jize ngesihomo nesithozela,nangona wena ungandazi nje.

5. “Ndim uNdikhoyo; akukho Thixo wumbi.Ndiya kukuxhobisa utsho uqinenangona wena ungandazi.

6. Le nto ndoyenza ukuze baqonde bonke,bazi emhlabeni wonke jikelele,baqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo,bazi ukuba akukho Thixo wumbi.

7. Ndikudalile ukukhanya,kanti ke nobumnyama;ivela kum impumelelo,ngokunjalo neshwangusha;ndim mna Ndikhoyo ozenzayo ezi zinto.

8. Ndokuthobela ulungelelwano lune njengemvula,ke wona umhlaba uya kulwamkelakutsho kuthi qhakra inkululeko nobulungisa.Ndim mna Ndikhoyo unobangela wezi zinto.”

NguNdikhoyo kuphela iNkosi

9. Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?

10. Umntwana angamkhalazela na uyise nonina,athi: “Nindizalele ntoni?”

11. *UNdikhoyo, uThixo oYedwa kaSirayeli,umdali wakhe, uthi:“Ningathini na ukundithethisa ngekamva,nindinkqangise ngabantwana bam,nide nindixelele ngemfanelo yam?

12. Ndim owalenzayo ihlabathi;ndim owadala uluntu kulo;ngezam izandla ndawatwabulula amazulu;ndiyayilawula inyambalala yawo.

13. Ngobulungisa bam ndim oxhokonxe uKoreshi;ndoyityeneneza indlela ayihambayo.Isixeko sam iJerusalem wobuya asivuse;uza kubakhulula abantu bam abathinjiweyo.Loo nto woyenza ngaphandle kwembuyekezo;kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla-onke.”

14. KuSirayeli utsho uNdikhoyo ukuthi:“Ubutyebi beJiputa neKushe bobákhó,iingxilimbela zaseSebha ngamakhoboka akho.Zona ziza kulandela zikhonxiwe;zokhahlela kuwe zivuma zisithi:‘Nini kuphela abanoThixo;akukho wumbi.’ ”

15. Thixo kaSirayeli, uyabahlangula abantu bakho;wena unguThixo ofihlakeleyo.

16. Abaqingqi *bemifanekiso basehlazweni;ngenene ke bona bonyoshoza bephoxekile.

17. Ke yena uSirayeli wahlangulwa nguNdikhoyo;olwakhe usindiso lohlala luhleli;yena akasoze ahlazeke aphoxeke nanini nanini.

18. UNdikhoyo nguye umdali wamazulu;ngenene nguye oyena-yena Thixo.Ihlabathi eli labunjwa nguye;walenza waza walizinzisa.Akalenzanga laba ngumqwebedu obharhileyo;walenzela ukuze limiwe luluntu.Yena ke uthi: “Ndim uNdikhoyo;akukho Thixo wumbi.

19. Ewe, mna andithethanga ekusitheleni,nenjongo yam andizange ndiyifihle.Mna andiyixhamlanga indlu kaYakobi,ndingatshongo nokuba mayindifune enkqantosini.NdinguNdikhoyo; mna ndiyayithetha inyaniso,mna ndiyakuvakalisa oko kuqinisekileyo.

20. “Qokelelanani, nonke zizwe;nditsho nina, mingqandanda esindileyo.Yizani kaloku nizokuxoxa,bantundini bazizityhakala ezingazi nto,nina batyethe imifanekiso yomthi,nina banqula *oothixo abangento yanto.

21. Yizani kuxoxa enkundleni;mabathetha-thethane abamangalelwa.Ngubani owayixela kwamandulo le nto?Ngubani owayivakalisa ingekenzeki?Asindim na Ndikhoyo?NdinguThixo osindisayo, olilungisa;ngaphandle kwam akukho Thixo.

22. “Khangelani kum nisindiswe,nina zizwe zehlabathi liphela.Kaloku ndim uThixo, akukho wumbi.

23. Ngenene ndiyafunga,yaye esam isifungo sinyanisekile;ewe, sona soze siguquke:Zonk' iintlanga zokhahlela kum,zifunge ukuba zondithobela.

24. Zovuma zithi: ‘KukuNdikhoyo kuphela ukuzuzwa kosindiso namandla.’ ”Ke bona abamthiyileyo bohlazeka.

25. Kodwa ngenxa kaNdikhoyo yonk' inzala kaSirayeli yogwetyelwaize imdumise.