kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 62 Ibhayibhile (XHO96)

Igama elitsha leZiyon

1. Ngenxa yeZiyon andinakuthi cwaka,ngenxa yeJerusalem andinakuthi tu,bude ubulungisa bayo butshisele njengomsobomvu,lude usindiso lwayo lukhanye njengesibane.

2. Izizwe zobubona ubulungisa bakhe,nabo bonke ookumkani baluqonde udumo lwakho.Ewe, uya kufumana igama elitshaoya kulinikwa *nguNdikhoyo ngokwakhe.

3. KuNdikhoyo uya kuba sesingayiwayo isithsaba;kuThixo wakho uya kuba yindwe yezinxiba-mxhaka.

4. Akusayi kuthiwa ungumshiywa,umhlaba wakho kuthiwe yinkangala.Kaloku kuya kuthiwa unguKholisile,umhlaba wakho kuthiwe nguManyiwe.Kaloku uNdikhoyo wanelisekile nguwe;wozimanya neli lizwe ngokomyeni.

5. Kwanjengokuba umfana ethatha intombinoonyana bakho baya kukuthatha;njengokuba umyeni engaziva ngomtshakazinoThixo wakho akayi kuziva ngawe.

6. Wena Jerusalem, ndokujikeleza ngabalindi;imini nobusuku bayo bona soze bathi cwaka.Nina ke, balindi,nina nimkhumbuzayo uNdikhoyo ngezithembiso zakhe,ze ningaphumli,

7. noNdikhoyo ngokwakhe ningamphumzi,ade yena ayimisele iJerusalemibe sisixeko esidunyiswa lihlabathi jikelele.

8. UNdikhoyo ke yena wenze isifungo;ngamandla akhe uya kusifezekisa:“Ingqolowa yakho ayiyi kuphinda ibe sisisulu seentshaba zakho,iintlanga azisayi kuyisela iwayini yakho,yona leyo ubulaleke wedwa ngayo,

9. kodwa abo bayihlwayeleyo boyivuna –baya kuyitya badumise uNdikhoyo ngayo;ewe, abo bayiqokelelayo idiliyabosela iwayini enkundleni yendlu kaThixo.”

10. Nina maJerusalem, phumani esixekweni,niye kuhlahlela abantu indlela;gqalan' amatye nivule, nitsho ngohola,nimise imbasa, nezizwe zitsho ziqonde.

11. UNdikhoyo ke wenze isihlokomiso kwihlabathi jikelele:“Yithi kwintombi enguZiyon:‘Uyambona, nanko esiza uMsindisi wakho!Nanko ekuphathel' umvuzo;uza egushe imbuyekezo.’ ”

12. Bantu abo kothiwa ngabakhethekileyo,uhlanga olukhululwe nguNdikhoyo;iJerusalem ke kuthiwe nguThandiwe,isixeko esingashiywanga sikhal' ibhungane.