kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 18 Ibhayibhile (XHO96)

Ukohlwaywa kweKushe

1. Kunyembelekile ke kwilizwe lesandi samaphikoemazants' emilambo eKushe.

2. Likhuph' izigidimi ngezikhitshana ezakhiwe ngeengcongolo, zidad' emlanjeni.Tsheluzani, zigidim' ezikhawulezayo;luthathen' udaba nigoduke nalo,luye kwilizwe eliphanjwe yimilambo,kwisizwe esingwanzilili esinamandla,amafaf' alusu lumpuluswa,izintw' ezoyikwa lilizwe jikelele.

3. Bekan' iindlebe, bemi behlabathi!Jongani, nikhangel' imbasailenga-lenga phezu kweencopho zeentaba;phulaphulan' isandi sesigodlo.

4. Kalok' *uNdikhoy' undixelele wathi:“Ndiya kuthi zole cwaka, ndijonge;ndoqwalasela ndisekhayeni lam ezulwini,ndizole ngathi kukuwa kombethe ebusuku,cwaka ngathi lilanga ligqats' ubhobhoyi.”

5. Iidiliya ziya kudubula zifeze,kodwa zithi ke zona zingekavunwa –ewe, kanye xa ziya ekuvuthweni –lusuke luthi vumbululu utshaba,luwahlabanisele luwageqe amaKushe,lula nje, ngathi kunqunyulw' amaseb' omdiliya.

6. Izidumbu ke zosala zithe gangalala,zibe zizisulu zeentaka namaxhalanga.Ewe, ziya kuba lixhoba lamarhamncwa,iintaka zizenzele ehlotyeni –asisathethi ke ngamarhamncwa ebusika.

7. Ixesha liyeza apho uNdikhoyo uSomandla-onkeaya kunikwa aphiwe imirhumongabo balizwe liphanjwe yimilambo,iingwanyalala zesizwe esimandla,amafaf' alusu lumpuluswa,izintw' ezoyikwa lilizwe jikelele.Ewe, baya kuza kwintaba iZiyon,apho anqulwa khona uNdikhoyo uSomandla-onke.