kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 16 Ibhayibhile (XHO96)

Ukukekela kwemeko yamaMowabhi

1. Nango amaMowabhi entlango kwisixeko iSela;ngoku athumela umrhumo:amatakane eegusha kwiziphathamandla eJerusalem.

2. AmaMowabhikazi ayazula-zula;axel' intaka egxothwe endlwaneni yayo.Nango ephithizela kumazibuko eAnon.

3. “Izwe lifile, yizani kusophula!Sicela uncedo, khanisikhusele!Yibani njengomthunzi mhla ligqatsileyo.Besingoobani kakade siziimbacu nje!Hayi bo, sincedeni ningasingcothozi!

4. Iimbacu zaseMowabhi maziphambukele kuni;sikhuseleni kulo mtshabalalisi.”Le ngcinezelo iza kubuya yethe,nale ntshabalalo iza kuphela,nomphembi-dushe aphel' emehlweni.

5. Ngelo thuba ke kosekwa ubukumkani,bumiselwe ngothando olunezibele.Esihlalweni kongqendeva onyanisekileyo.Lowo ke woba ngowendlu kaDavide.Yena ke uya kulawula ngobulungisa,alangazelele ulungelelwano nocwangco.

6. Sivile ngokuzikhukumalisa kwamaMowabhi,elingako lona ikratshi nendelelo;ewe, angade abe ucikekile likratshi,kodwa ke, akulele nto apho.

7. Myeke ke uMowabhi abhomboloze.Mabamthelele uMowabhi nabo balile;mabenze isililo nesijwili xa bekhumbula amaqebengwane aseKir-hareshete.

8. Amasimi aseHeshbhon ayadodobala,nezidiliya zaseSibhema zitshabalele.Amakhosi ezizwe azixangxathile izidiliya zodidi,zona fudula zifikelela eYazere,zenjenjeya zithi xhaxhe ngentlango,amasebe azo ethe gaa ngolwandle.

9. Ngoko ke ndilila kunye neYazere;ndiyakhala ngezidiliya zaseSibhema;ndiyinyhididi, Heshbhon nawe Eliyali.Ewe kaloku, isivuno asibonwa,imivuyo nemincili iyalambatha.

10. Amasimi akezi namihlali nalonwabo;ezidiliyeni ayisekho ingoma nemiyeyezelo.Ezixovulelweni akusekho baxovuli;imiyiyizelo yabavuni iphelile.

11. Ngoko ke ndinesimbonono ngenxa yeMowabhi;ngenene ndihlahlamba njengesigingci,ngenxa yeKir-hareshete ndibindekile.

12. AmaMowabhi aziduba nje ngokunyuka intaba esiya kunqula; yonke loo nto yinkcitha-xesha.

13. Olu ludaba awaluthetha kwamandulo uNdikhoyo ngokubhekiselele kwiMowabhi.

14. Kambe ke ngoku uNdikhoyo uthi: “Kwiminyaka emithathu yokunyamezela ubutyebi beMowabhi buya kuphel' emehlweni. Obu bunewu-newu naloo nyambalala yabantu konke kuya kutshabha, naloo mingqandanda isindileyo yoba ngamabhetye-bhetye.”