kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 15 Ibhayibhile (XHO96)

Udaba mayela neMowabhi

1. Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neMowabhi:KwelaseMowabhi yimbubho yodwa;kaloku iAri ivuthululwe ngabusuku bunye.Kunyembelekile eMowabhi phaya;kaloku iKiri itshatyalaliswe ngabusuku bunye.

2. Nango amaDibhon enyukela endaweni yawo yokunqula,esiya kuphalaza iinyembezi elila.AmaMowabhi alilela iNebho neMedibha;selede agugul' iinwele neendevu.

3. Ezitalatweni ahamba enxibe ezokuzila;phakathi kwabantu nasemakhaya sisijwili.

4. AmaHeshbhon namaElale ayabhomboloza;isikhalo sawo sivakala naseYahaza.Kubi, namajoni ngokwawo ayakhalaza;kaloku nawo ngoku angenwa yingevane.

5. Ke mna ke ndikhalela iMowabhi,kuba abantu bayo babhacel' eZoware,basabele e-Egelati-sheleshiya.Nâbo bekhwina benyuka iLuti;benz' isimbonon' ukusing' eHoronayim,benesingqala ngenxa yentshabalalo.

6. Intlanjana yeNimrim yona yome khonkqo,notyani ecaleni kwayo apho butshazile;ewe, akusekho hlaza, kome khwahla.

7. Ubuntwana-ntwana ababuqwebileyo nâbo bexhakazela bebuphethe,besiya kuwela loo ngxingwa yemipampiri.

8. Yintlokoma yesikhalo eMowabhi jikelele.Eso sililo sivakala nase-Eglayim;eso sijwili sifikelela naseBhere-elim.

9. Emlanjeni kwisixeko saseDibhon namanzi ngokwawo abomvu ligazi.Kanti ke mna Thixo ndisaza kwenza izinto zamehlo:kuza kujub' ugodo kwaseleyo amaMowabhi!