kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 9 Ibhayibhile (XHO96)

Ukumkani ozayo

1. Kambe ke akuyi kuhlala kumnyama kwabo bebesezinkxwalekweni. Kwilixa lamandulo elakwaZebhulon nelakwaNafetali lalidelekile, kambe ke kwilixa elizayo lo mmandla uya kuzuza udumo; nditsho ukusuka kulwandle lwasempuma ujikele uwele iJordan, uye kuthi gaa ngeGalili yeentlanga.

2. Abantu ababemfamza ebumnyameningoku bakufumene ukukhanya;kwabo babehamba ebumnyamenikubo uthe qheke umsobomvu.

3. Wena usandisile isizwe sakho,usuke waluthi chatha uvuyo lwaso.Ngoko ke siyachulumacha ngenxa yakho,de ngathi sinemihlali ngexa lokuvuna,sengathi sigcotyiswe kukuxhaphaz' amaxhoba.

4. Kaloku wena uyaphule idyokhwe yaso,ulususile uxanduva nomqobo obusemagxeni.Leyo ke yingcinezelo yomcinezeli.Wena ubuthe kwanga kungomhla wamaMidiyan.

5. Zonke izihlangu zomkhosi ogxashizayo,nazo zonke iimpahla ezidyojwe ligazi,ziya kutshatyalaliswa ngomlilo.

6. Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;kaloku thina silizwe ngonyana.Nguye ke oya kulawula.Ke yena wothiywa igama kuthiwenguMcebisi omangalisayo,uThixo oligorha,uSonini-nanini,iTshawe loxolo.

7. Yena uya kuba yingangalala,into embuso uluxolo olungaphele ndawo.Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide,umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi,uxhathise ngomthetho nangobulungisa,ukusukela ngoku kude kube nini-nini.*UNdikhoyo onekhwele,nditsho uSomandla-onke,nguye oya kuyenza loo nto!

UNdikhoyo uyalwa noSirayeli

8. INkosi ithumele udaba kuSirayeli;ewe, lona luya kuwa phezu koYakobi.

9. Bonke ke abantu baya kuluqonda,uEfrayim nabemi baseSamariya,abo baqholosa ngendelelo, besithi:

10. “Naxa nje zidilikile izindlu zezitena,thina siya kwakha ngamatye aseleqingqiwe;ngenene yona imithombe igawulwe,kodwa thina sotyala imisedare.”

11. *UNdikhoyo ubayekele ngeentshaba,nditsho iintshaba zeentshaba zabo;ewe, usuke wabaxhokonxela iintshaba.

12. Ngama-Aram ngasempumalanga,ibe ngamaFilistiya ngasentshonalanga;xa zizonke zigragramela uSirayeli.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!

13. Kodwa suka abantu abazisola;hayi, ababuyelanga kumohlwayi,abazigobanga kuNdikhoyo uSomandla-onke.

14. Ngoko ke uNdikhoyo wosuka amohlwaye uSirayeli:uya kumnquml' intloko, amgumpul' umsila;uya kuncothul' isundu, asiphul' ingcongolo.

15. Intloko ke ngabadala nezihandiba;wona umsila ngabashumayeli bobuxoki.

16. Kaloku aba bantu bayalahlekiswa;ewe, bona bayaphuphuthekiswa.

17. UNdikhoyo ke akasabakhathalele nabafana,akayi kuthi thiki nangabahlolokazi neenkedama,kuba bonke zintw' ezingento, bakhohlakele,imilomo yabo iphuphum' ububi.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!

18. Kaloku inkohlakalo yabantu ivutha njengomlilo;ileny' inkunzane ngokunjalo nobobo,idangazel' okomlilo wehlathi,ithunquza okwentshinyela yomsi.

19. Ngenxa yomsindo kaNdikhoyo onamandla onkeeli lizwe liza kuvutha,umlilo udangazeliswe ngabantu,kungabikho nonak' umntakwabo.

20. Bonqwamza ngapha, bangahluthi noko;banqunqude ngapho, banganeli noko;ewe, boda batye noogxa babo.

21. UManase noEfrayim bosuka bahlaselane,kananjalo bosuka badibane ngoJuda.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!