Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 49:16-32 Ibhayibhile (XHO96)

16. Ulahlekisiwe kukoyikeka kwakho nalikratshi lakho,wena omi ezimfanteni zeengxondorha,wena ohleli kwiincopho zeentaba.Nokuba uyakhe phezulu indlu yakho,yaxela eyokhozi,ndokuthula apho.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

17. “Uya kuba sisothuso uEdom.Bonke abadlulayo baya kuthi makatha,baphoxise ngenxa yokubhukuqwa kwakhe.

18. Nqwa nokubhukuqwa kweSodom neGomora needolophu ezingqongileyokuya kuba njalo ukubhukuqwa kwelamaEdom –akuyi kuba sabakho bani uhlala khona,kungabikho kwamphambukeli apho.”Utsho uNdikhoyo.

19. “Njengengonyama ephuma kwiintshinyela zamatyholo aseJordan,isiya emadlelweni ahlala eyokozela,kuya kuba njalo ukumgxotha kwam ngephanyazo kwelakowabo uEdom.Ngubani na onyuliweyo nendiya kumalatha ukuze andenzele oku?Kakade ngubani na onjengam onokumelana nam,ingubani umalusi onokuxaba endleleni yam?

20. Ke ngoko liveni icebo likaNdikhoyo alicebileyo nge-Edom,izigqibo zakhe agqibe ngazo ngokubhekiselele kubemi bakwaTeman.Inene, namatakane aya kuqwengwa,umhlambi uthi khumnqa ngenxa yawo.

21. Ihlabathi liya kunyikima sisithonga sokuwa kwabo.Isandi sokukhala kwabo siya kuvakala de kuye kutsho kuLwandle oluBomvu.

22. Khangela, ukhozi luyantinga lundande;lutweza amaphiko phezu kweBhozera.Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaEdomiya kuba njengentliziyo yomfazi ophethwe yinimba.”

23. Malunga neDamasko *uNdikhoyo uthi:“Ihlazekile iHamati neApadi,kuba kuviwe iindaba ezimbi.Bancamile, bakhathazekile;bafana nolwandle olungenakuzola.

24. IDamasko ityhafile;ijikile, yasuka yabaleka.Ifikelwe kukunkwantya;ihlelwe yimbandezelo nenimba njengozalayo.

25. Hayi ukulahlwa kwesi sixeko ebesisakuba sesidumileyo,isixeko ebesisakuba yindawo yemihlali!

26. Inene, amadodana aso aya kuwa ezitalatweni;onke amajoni aso aya kuthi cwaka ngaloo mini.”Ewe, nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke; uthi:

27. “Ndiya kusintumeka umlilo isixeko saseDamasko,atshiswe nguwo amabhotwe kaBhenadadi.”

28. Malunga namaKedare nezikumkani zaseHazore awazihlaselayo uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Phakamani niwahlasele amaKedare,nibatshabalalise abantu basempumalanga.

29. Ziya kuthinjwa iintente zabo nemfuyo yabo,kumkiwe nemikhusane yabo nempahla esezintenteni zabo,nditsho kwaneenkamela zabo.Kuya kumemezwa kubo kuthiwe:‘Lunxunguphalo macala onke!’

30. “Sabani! Balekani ngamandla!Zimelani kwimiqolomba emnyama, nina bemi baseHazore.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Kaloku uNebhukadenezare, ukumkani waseBhabheli,ucebe icebo malunga nani,wagqiba izigqibo ngani.

31. “Phakamani niye kuhlasela uhlanga oluzonwabeleyo,uhlanga oluhleli lungenaxhala.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Nditsho olungenazingcango namivalo,uhlanga oluzihlalele lodwa bucala.

32. Iinkamela zabo ziya kuphangwa,imihlambi yabo ngobuninzi bayo ibe lixhoba.Ndobachitha-chitha baphetshethwe ngumoya abo banwele zichetyiweyo ezintlafunweni.Ndobahlisela ishwangusha macala onke.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 49