Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 49:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Malunga noAmon *uNdikhoyo utsho ukuthi:“Akananyana na uSirayeli?Akanandlalifa na?Kutheni uMilikom elithimbile ilifa likaGadi?Kutheni iidolophu zakwaGadi zimiwe ngabantu bakaMilikom?”

2. Kambe ke, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Niyabona, iyeza imihlaendiya kuyihlabela umkhosi iRabha yama-Amon.Iya kuba yimfumba yamabhodlo,iilali zayo zitshiswe ngomlilo.Ewe, uSirayeli uya kubagxotha abo babemgxothile.”Utsho uNdikhoyo.

3. “Yenza isijwili, wena Heshbhon,kuba iAyi ibhuqiwe.Khalani, zilali zaseRabha;bhinqani ezirhwexayo nizile.Zula-zulani nididekile,kuba uMilikom uya kuthinjwa,nditsho yena kunye nababingeleli neziphathamandla zakhe.

4. Kutheni niqhayisela ngeentili zenu,iintili zenu ezichumileyo?Hayi bo, bantundini abakreqayo,abakholosa ngobutyebi babo!Nithi: ‘Ngubani onokusihlasela?’

5. Niyabona, ndiza kunihlisela unkwantyoluvela kubantu abaningqongileyo.”Lowo ngumlomo weNkosi uNdikhoyo onamandla onke.“Niya kuchitha-chithwa,elowo asabe ngeyakhe indlela,kungabikho bani uzihlanganisayo iimbacu.

6. Kambe ke, emva koko, ndiya kumbuyisela kundalashe uAmon,adle ngendebe endala.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

7. Malunga noEdom *uNdikhoyo onamandla onke utsho ukuthi:“Akusekho bulumko na kwaTeman?Sezaphelelwa ngamacebo na iingqondi?Sebutshitshile na ubulumko bazo?

8. Jikani nisabe, nizimele kwimiqolomba emnyama, nina bemi bakwaDedan.Ndiza kumhlisela ishwangusha uEsawu,kuba lifikile ixesha lokuba ndimohlwaye.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 49