kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8

Testamente Endala

Testamente Entsha

Ingoma Yazo Iingoma 6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Isincoko esingothando lomtshakazi nomyeni

1. Iye phi na intánda yakho,Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi?Ibheke ngaphi na intánda yakho,Ukuze sikufunise?

2. Intánda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba,Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba.

3. Mna ndingowentánda yam, nentánda yam yeyam yona;Yalusela ezinyibibeni.

4. Ùyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa,Ùnomkhitha njengeYerusalem;Wòyikeka njengemikhosi eneebhanile.*

5. Wasuse amehlo akho kum,Ngokuba andiqwelile.Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhweEzisemathambekeni aseGiliyadi.

6. Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegushaEzinyukayo, zivela ekuhlanjweni,Zonke zizele amawele,Kungekho ifelweyo kuzo.

7. Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho,Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.

8. Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibohzo amashweshwe,Neentombi ezingenakubalwa.

9. Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam;Mnye yena kunina,Umnyulwa walowo wamzaláyo.Zambona iintombi, zathi únoyolo,Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe.

10. Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo,Mhle njengenyanga,Unyulu njengelanga,Woyikeka njengemikhosi eneebhanile?

11. Bendihle ndaya emyezweni weminoti,*Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo,Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na,Imirharnate ityatyambile na.

12. Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibekeEzinqwelweni zabantu bam, zamanene.

13. Buya, buya, mShulamikazi;Buya, buya, sikubone.Nibona ntoni na kumShulamikazi,Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim?