kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8

Testamente Endala

Testamente Entsha

Ingoma Yazo Iingoma 8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Uthando lunamandla ngokokufa

1. Akwaba ubunjengomnakwethuObesanya amabeke kama!Bendingathi, ndíkufumene phandle, ndikwange,Bangàndideli noko.

2. Bendiya kukuqhuba, bendiya kukusa endlwini kama;Ubuya kundifundisa.Bendiya kukuseza iwayini eqholiweyo,Nencindi yomrharnate wam.

3. Isandla sayo sokhohlo besiya kuba phantsi kwentloko yam,Esokunene sayo sindiwole.

4. Zintombi zaseYerusalem, ndiyanifungisa,Ningáthini na ukuluvusa, ningáthini na ukuluvuselela uthando,Lude luthande?

5. Ngubani na lo unyuka evela entlango,Esayama intánda yakhe?Ngaphantsi komapile lo ndákuvusa wena.Khona apha waba nenimba ngawe unyoko,Khona apha waba nenimba owakuzalayo.

6. Ndíbeke njengomsesane wokutywina entliziyweni yakho, njengomsesane wokutywina engalweni yakho.Ngokuba uthando lunjengokufa, ukuba nengcwangu,Ubukhwele bunjengelabafileyo, ukuba lukhuni;Amalangatye abo ngamalangatye omlilo,Ngamadangatye kaYehova.

7. Amanzi amaninzi akanakulucima uthando;Imilambo ayinakuluntywilisela.Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando,Ingádelwa ideliwe.

8. Sìnomsakwethu omncinane,Akakabi namabele.Siya kuthini na ngomsakwethu,Mini aganelweyo?

9. Ukuba uludonga yena,Siya kwakha phezu kwalo uqoqo lwesilivere;Ukuba ungumnyango,Somrhaqa ngamaceba omsedare.*

10. Ndaba ludonga mna, namabele am anjengenqaba;Ndaza emehlweni ayo ndaba njengofumene uxolo.

11. USolomon ubenesidiliya eBhahali-amon,Isidiliya wasinikela kubagcini,Ukuze elowo azise iwaka lesilivere ngesiqhamo saso.

12. Isidiliya sam, esisesam, sona siselulawulweni lwam;Iwaka elo lelakho, Solomon;Amakhulu amabini ngawabagcini besiqhamo saso.

13. Wena uhleliyo emiyezweni,Amakholwane alibazela indlebe izwi lakho,Ndívise.

14. Dloba, ntánda yam,Uxelise ibhadi namankonyana amaxhamaEzintabeni zobulawu.