kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8

Testamente Endala

Testamente Entsha

Ingoma Yazo Iingoma 1 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umtshakazi uvuyela ubunzwakazi bakhe

1. Ingoma yazo iingoma, eyekaSolomon.

2. Makandange ngokwanga komlomo wakhe;Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini.

3. Amafutha akho anevumba elimnandi;Liyioli ethululwayo igama lakho;Ngenxa yoko iintombi ziyakuthanda.

4. Nditsale, sogidima emva kwakho;Ukuba ukumkani undingenise ezingontsini zakhe,Sogcoba, sivuye ngawe.Sozikhankanya izincokoliso zakho ngaphezu kwewayini;Zikuthanda zinyanisile.

5. Ndimnyama, ndinomkhitha noko,Zintombi zaseYerusalem,Njengeentente zakwaKedare,Njengamalengalenga kaSolomon.

6. Musani ukundikhangela ngakuba ndife mnyama,Ngakuba nditshe lilanga.Oonyana bakama bandivuthela ngomsindo,Bandenza umlindi wezidiliya;Ke esisesam isidiliya andisilindanga.

7. Khawundixilele, wena uthandwa ngumphefumlo wam,Walúsela phi na? Ùyibuthisa phi na imihlambi emini enkulu?Ngokuba kungani na ukuba ndibe njengogqubutheleyoNgasemihlambini yamakholwane akho?

8. Ukuba àkwazi, nzwakazindini phakathi kweentokazi,Phuma, uhambe ngemikhondo yomhlambi,Uwaluse amatakane akho ngaseminqubeni yabalusi.

Isincoko sokuthandana komyeni nomtshakazi

9. Ndikufanekisé, wethu,Nehashe kwaweenqwelo zikaFaro!

10. Zinomkhitha izidlele zakho ziingcaca,Umqala wakho zizidanga.

11. Sòkwenzela iingcaca zegolideEzinamaqhula esilivere.

12. Xa ukumkani asesetafileni yakhe,Inadusi* yam isuka ilikhuphe ivumba layo.

13. Sisiqhuma semore* intánda yam kum,Esihleli phakathi kwamabele am.

14. Sisihloko sekofere* intánda yam kumEzidiliyeni zase-Engedi.

15. Yabona, ùyinzwakazi, wethu! Yabona, ùyinzwakazi!Amehlo akho anjengawamavukuthu.

16. Yabona, ùyinzwakazi, ntánda yam; ewe, umnandi;Umandlalo wethu uluhlaza.

17. Imiqadi yendlu yethu yimisedare,*Iipanele* zethu yimisipres.*