kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8

Testamente Endala

Testamente Entsha

Ingoma Yazo Iingoma 2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ukuthandana nokuncomana ngothando

1. Ndingumfiyo waseSharon,Ndiyinyibiba yasezintlangeni.

2. Njengenyibiba phakathi kweminga,Únjalo uwethu phakathi kweentombi.

3. Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi,Injalo intánda yam phakathi koonyana.Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo,Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.

4. Indingenisé endlwini yewayini,Nebhanile* yayo phezu kwam luthando.

5. Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi,Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando.

6. Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam;Esokunene siyandiwola.

7. Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisaAmabhadikazi namaxhamakazi asendle,Ukuba ningàluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando,Lude luthande.

8. Phulaphulani! Intánda yam, nantso isiza,Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini.

9. Intánda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama.Nantso imi emva kodonga lwakokwethu,Ithe nzo ngeefestile,Inyondla ngekroba.

10. Intánda yam yasusela, yathi kum,Suk' ume, wethu, nzwakazi yam, uze;

11. Ngokuba uyabona, ubusika budlule,Imvula igqithile yemka;

12. Iintyantyambo zibonakele ezweni;Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile;Izwi lehobe livakele ezweni lethu;

13. Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo,Imidiliya ityatyambile,Itsho ngevumba elimnandi.Suk' ume, wethu, nzwakazi yam, uze.

14. Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba,Ndíbonise ubuso bakho, ndívise ilizwi lakho;Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha.

15. Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya;Izidiliya zethu zityatyambile.

16. Intánda yam yeyam, mna ke ndingowayo;Yalusela ezinyibibeni.

17. Ide iphole imini, oluke amathunzi,Jika, ntánda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama,Ezintabeni ezibugqagala.