Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 49:21-34 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ihlabathi liya kunyikima sisithonga sokuwa kwabo.Isandi sokukhala kwabo siya kuvakala de kuye kutsho kuLwandle oluBomvu.

22. Khangela, ukhozi luyantinga lundande;lutweza amaphiko phezu kweBhozera.Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaEdomiya kuba njengentliziyo yomfazi ophethwe yinimba.”

23. Malunga neDamasko *uNdikhoyo uthi:“Ihlazekile iHamati neApadi,kuba kuviwe iindaba ezimbi.Bancamile, bakhathazekile;bafana nolwandle olungenakuzola.

24. IDamasko ityhafile;ijikile, yasuka yabaleka.Ifikelwe kukunkwantya;ihlelwe yimbandezelo nenimba njengozalayo.

25. Hayi ukulahlwa kwesi sixeko ebesisakuba sesidumileyo,isixeko ebesisakuba yindawo yemihlali!

26. Inene, amadodana aso aya kuwa ezitalatweni;onke amajoni aso aya kuthi cwaka ngaloo mini.”Ewe, nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke; uthi:

27. “Ndiya kusintumeka umlilo isixeko saseDamasko,atshiswe nguwo amabhotwe kaBhenadadi.”

28. Malunga namaKedare nezikumkani zaseHazore awazihlaselayo uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Phakamani niwahlasele amaKedare,nibatshabalalise abantu basempumalanga.

29. Ziya kuthinjwa iintente zabo nemfuyo yabo,kumkiwe nemikhusane yabo nempahla esezintenteni zabo,nditsho kwaneenkamela zabo.Kuya kumemezwa kubo kuthiwe:‘Lunxunguphalo macala onke!’

30. “Sabani! Balekani ngamandla!Zimelani kwimiqolomba emnyama, nina bemi baseHazore.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Kaloku uNebhukadenezare, ukumkani waseBhabheli,ucebe icebo malunga nani,wagqiba izigqibo ngani.

31. “Phakamani niye kuhlasela uhlanga oluzonwabeleyo,uhlanga oluhleli lungenaxhala.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Nditsho olungenazingcango namivalo,uhlanga oluzihlalele lodwa bucala.

32. Iinkamela zabo ziya kuphangwa,imihlambi yabo ngobuninzi bayo ibe lixhoba.Ndobachitha-chitha baphetshethwe ngumoya abo banwele zichetyiweyo ezintlafunweni.Ndobahlisela ishwangusha macala onke.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

33. “IHazore iya kuba sisikhundla soodyakalashe,kube senkangala kude kube nini-nini.Akuyi kuhlala bani khona,kungabikho mntu uphambukela apho.”

34. Nalu udaba *lukaNdikhoyo olwavakala kumshumayeli uJeremiya malunga nelakwaElam esandula ukuqala ukuphatha uZedekiya ukumkani wakwaJuda.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 49