kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31

Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 17 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akunani kwaukutya iqhekeza lesonka uxolilekunokuba semzini ozele yinyama yamadini kodwa kugquba imbambano.

2. Isicaka esinobulumko sifumana amagunya ngaphezu konyana oza namahlazo,size naso sibe nenxaxheba elifeni njengabanye oonyana.

3. Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;igolide ivavanywa ezikweni lomlilo;kodwa yona intliziyo yomntu ivavanywa nguNdikhoyo.

4. Umenzi wobubi uyawuphulaphula umlomo onenkohliso,kanti ke ixoki liyibazela iindlebe intetho eyenzakalisayo.

5. Umntu ohlekisa ngehlwempu ugxeka uMdali walo;umntu ozivuyelayo iinkxwaleko zabanye uyohlwaywa.

6. Abazukulwana libhongo lookhokho,kanti ke igugu labantwana ngabazali.

7. Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu.

8. Ukunyoba kufana nomlingo kulowo ukwenzayo;uba kuza kumphumelelisa naphi na apho aya khona.

9. Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

10. Ukukhalinyelwa kuyamakha umntu onengqondo,kunokuba imivumbo elikhulu injalo kwisiyatha.

11. Umvukeli uqhwaya ingxwaba-ngxwaba;ke ngoko uthunyelwa isigidimi esingenanceba.

12. Kubhetele ukuhlangana nebhere eyohluthwe amathole ayo,kunokuhlangana nesityhakala sisenza ubudenge.

13. Umntu ophindezela ubuhle ngobubisoze yahlukane nelishwa indlu yakhe.

14. Ukuphemba inkathazo kufana nokuqhekezwa kodonga lwedama;ngoko ke nyawuka ingekakongameli.

15. Okhulula umntu onetyala nogweba umntu omsulwabobabini uNdikhoyo uyabacekisa.

16. Kunceda ntoni ukuba isiyatha siphathe imali, sifune ulwazi,kanti asinangqondo?

17. Umhlobo unothando ngamaxesha onke;ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.

18. Ngumntu ongenangqondo obamba isandla ebhambathisa,emela ityala lommelwane.

19. Umntu othanda ingxwaba-ngxwaba uthanda ubugwenxa;umntu osoloko eqhayisa ngezinto zakhe uzibizela iingxaki.

20. Umntu ontliziyo ikhohlisayo akabi nampumelelo;kanti nomntu ontetho ikrwada ungena enkathazweni.

21. Yinto ebuhlungu ukuba nonyana ongenangqondo;uyise wesityhakala soze onwabe.

22. Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.

23. Umntu okhohlakeleyo uyanyotywa ngasese,usuke ke wona umthetho ugqwetheke.

24. Umntu onengqondo unonophela ubulumko;ke sona isityhakala amehlo aso athi elapha abe ephaya.

25. Unyana osisiyatha uzisela uyise ukukhathazeka;kanti ke ungumva-ndedwa kunina omzeleyo.

26. Yinto embi ukuhlawulisa abantu abamsulwa;kuyalumeza ukohlwaya izikhulu ezithembekileyo.

27. Umntu onengqondo uyawakhetha amazwi akhe,kanti ke nomntu oqondayo uhlala epholile.

28. Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha;kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi.