1. Umntu ozahlulayo kwabanye ujongana nokwakhe ukulungelwa;uwasengela phantsi onke amacebiso aphilileyo.
2. Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono.
3. Xa kuvela umntu okhohlakeleyo ngokunjalo nokudelela kuthath' indawo;ukuphoxa ke kuhambisana nehlazo.
4. Amazwi omlomo womntu anjengesiziba samanzi;kambe ke umthombo wobulumko yintlambo enkcenkcezayo.
5. Yinto embi ukuba nesheyi kumntu onenkohlakalo;akulunganga ukumenzela igobe umntu omsulwa.
6. Ukuthetha komntu osisiyatha kuzala ingxwaba-ngxwaba;amazwi akhe ambizela ukubethwa.
7. Ukuthetha komntu osisityhifili kumzisela inkathazo;umlomo wakhe ngumgibe wakhe.
8. Amazwi entlebendwane ayanambitheka;ahla kamnandi athi ngcoo embilinini.
9. Umntu owuphath' ewuyeka umsebenzi wakheuyintlaka nexolo notshabalalisayo.
10. UNdikhoyo ngumqolomba:bazimela kuye abalungisayo, basinde.
11. Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla.
12. Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.
13. Ophendula engevanga kuqalabubudenge obo kuye nehlazo.
14. Umoya onganikezeliyo wenza ukuba umntu amelane nokufa.Ke wona umxhelo xa uwile ngubani ongawuvuselelayo?
15. Umntu onengqiqo ufunana nolwazi;ewe, iindlebe zezilumko zibazele lona.
16. Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeniphatha umngena-ndlwini xa uya kubo.
17. Intetho yommangali etyaleni iba ngathi iyavakala,xa engekaphicothwa ngemibuzo.
18. Liphelisa ingxabano *iqashiso,libahlule abantu abanamandla.
19. Isizalwana esikhutyekisiweyo silukhuni ngaphezu kwesixeko esinqatyisiweyo;ingxabano yabazalanayo injengemivalo yamasango enqaba.
20. Umntu uzalisa iphango lakhe ngeziqhamo zokuthetha kwakhe;uhlutha sisivuno somlomo wakhe.
21. Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.
22. Umntu ofumene umfazi uzuze okulungileyo;ewe, ufumene okukholekileyo kuNdikhoyo.
23. Ihlwempu liyacenga libongoze,ukanti ke sona isinhanha siphendula rhabaxa.
24. Iitshomi ezininzi ziyamvuthulula umntu;kanti ke sikho sona isihlobo esithembekayo kunomntakwenu.