kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31

Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 18 Ibhayibhile (XHO96)

1. Umntu ozahlulayo kwabanye ujongana nokwakhe ukulungelwa;uwasengela phantsi onke amacebiso aphilileyo.

2. Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono.

3. Xa kuvela umntu okhohlakeleyo ngokunjalo nokudelela kuthath' indawo;ukuphoxa ke kuhambisana nehlazo.

4. Amazwi omlomo womntu anjengesiziba samanzi;kambe ke umthombo wobulumko yintlambo enkcenkcezayo.

5. Yinto embi ukuba nesheyi kumntu onenkohlakalo;akulunganga ukumenzela igobe umntu omsulwa.

6. Ukuthetha komntu osisiyatha kuzala ingxwaba-ngxwaba;amazwi akhe ambizela ukubethwa.

7. Ukuthetha komntu osisityhifili kumzisela inkathazo;umlomo wakhe ngumgibe wakhe.

8. Amazwi entlebendwane ayanambitheka;ahla kamnandi athi ngcoo embilinini.

9. Umntu owuphath' ewuyeka umsebenzi wakheuyintlaka nexolo notshabalalisayo.

10. UNdikhoyo ngumqolomba:bazimela kuye abalungisayo, basinde.

11. Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla.

12. Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.

13. Ophendula engevanga kuqalabubudenge obo kuye nehlazo.

14. Umoya onganikezeliyo wenza ukuba umntu amelane nokufa.Ke wona umxhelo xa uwile ngubani ongawuvuselelayo?

15. Umntu onengqiqo ufunana nolwazi;ewe, iindlebe zezilumko zibazele lona.

16. Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeniphatha umngena-ndlwini xa uya kubo.

17. Intetho yommangali etyaleni iba ngathi iyavakala,xa engekaphicothwa ngemibuzo.

18. Liphelisa ingxabano *iqashiso,libahlule abantu abanamandla.

19. Isizalwana esikhutyekisiweyo silukhuni ngaphezu kwesixeko esinqatyisiweyo;ingxabano yabazalanayo injengemivalo yamasango enqaba.

20. Umntu uzalisa iphango lakhe ngeziqhamo zokuthetha kwakhe;uhlutha sisivuno somlomo wakhe.

21. Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.

22. Umntu ofumene umfazi uzuze okulungileyo;ewe, ufumene okukholekileyo kuNdikhoyo.

23. Ihlwempu liyacenga libongoze,ukanti ke sona isinhanha siphendula rhabaxa.

24. Iitshomi ezininzi ziyamvuthulula umntu;kanti ke sikho sona isihlobo esithembekayo kunomntakwenu.