kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31

Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 19 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akunani kwaukuhleleleka unyanisekilekunokuba sisiyatha esinganyanisekanga.

2. Ukutyhuthuzela kungekho kuqonda akulunganga;onyawo zingxamileyo uyayiphosa indlela.

3. Ubuyatha bomntu buyabulimaza ubomi bakhe,aze ke entliziyweni yakhe asole uNdikhoyo.

4. Isinhanha siba nezihlobo ezininzi,kodwa lona ihlwempu libalekwa nazezikhoyo.

5. Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni akasindi.

6. Baninzi abacenga izikhulu;bonke abantu bazizihlobo zomntu ophayo.

7. Ihlwempu alifunwa nangabakowalo; yeka ke ukungafunwa kwalo zizihlobo!Noba selizifuna linezicengo soze lizifumane.

8. Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.

9. Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni uyatshabalala.

10. Isiyatha asifanelwa kukuthi zava –kobeka phi ukuba kubi kokuba amatshawe aphathwe sisicaka?

11. Umntu onengqondo akacaphuki msinya;kuye linqaku ukungakhathali noba selesoniwa.

12. Umsindo kakumkani unjengokugragrama kwengonyama;ke kona ukwamkeleka kuye kunjengombethe phezu kohlaza.

13. Unyana osisiyatha uyamtshonisa uyise;kanti ke yena umfazi onochuku ufana nendlu enethontsi.

14. Indlu nobutyebi lilifa looyise,kodwa umfazi onengqondo uvela kuNdikhoyo.

15. Ubuvila bufuthanisela umntu ngobuthongo;ukanti ke umntu ongasebenziyo ubhuqwa yindlala.

16. Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.

17. Umntu opha ohlelelekileyo ufana noboleka uNdikhoyo;uNdikhoyo uya kumbuyisela.

18. Mqeqeshe unyana wakho, kuba oko kunika ithemba,kodwa ke ungagabadeli ude umbulale.

19. Umntu ocaphuka msinya uvuna loo nto ayilimileyo;ukuba ukhe wamnceda kwaba kanye uya kuphinda-phinda.

20. Waphulaphule amacebiso, ukwamkele ukululekwa –ekugqibeleni uya kuba nobulumko.

21. Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.

22. Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.

23. Obona bomi kukuhlonela uNdikhoyo;umntu owenjenjalo uyazonwabela, inkathazo ingamchaphazeli.

24. Ivila liyakha esityeni,kodwa lingabi nako ukusa emlonyeni.

25. Mohlwaye umntu odelelayo, ukuze bazuze ukuqonda abangekabi namava;isilumko siyafunda sakululekwa.

26. Unyana ophatha gadalala uyise, agxothe unina,ngunyana olihlazo nonamanyondololo.

27. Nyana wam, ukuba uthe walutyeshela uqeqesho,uya kuphulukana namazwi anolwazi.

28. Ingqina elingungantweni liyabugqwetha ubulungisa;okuphuma emlonyeni womntu okhohlakeleyo bububi bodwa.

29. Umgxeki ufanelwe kukugwetywa;ke sona isiyatha silindelwe kukutyatyushwa emhlana.