1. Akunani kwaukuhleleleka unyanisekilekunokuba sisiyatha esinganyanisekanga.
2. Ukutyhuthuzela kungekho kuqonda akulunganga;onyawo zingxamileyo uyayiphosa indlela.
3. Ubuyatha bomntu buyabulimaza ubomi bakhe,aze ke entliziyweni yakhe asole uNdikhoyo.
4. Isinhanha siba nezihlobo ezininzi,kodwa lona ihlwempu libalekwa nazezikhoyo.
5. Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni akasindi.
6. Baninzi abacenga izikhulu;bonke abantu bazizihlobo zomntu ophayo.
7. Ihlwempu alifunwa nangabakowalo; yeka ke ukungafunwa kwalo zizihlobo!Noba selizifuna linezicengo soze lizifumane.
8. Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.
9. Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni uyatshabalala.
10. Isiyatha asifanelwa kukuthi zava –kobeka phi ukuba kubi kokuba amatshawe aphathwe sisicaka?
11. Umntu onengqondo akacaphuki msinya;kuye linqaku ukungakhathali noba selesoniwa.
12. Umsindo kakumkani unjengokugragrama kwengonyama;ke kona ukwamkeleka kuye kunjengombethe phezu kohlaza.
13. Unyana osisiyatha uyamtshonisa uyise;kanti ke yena umfazi onochuku ufana nendlu enethontsi.
14. Indlu nobutyebi lilifa looyise,kodwa umfazi onengqondo uvela kuNdikhoyo.
15. Ubuvila bufuthanisela umntu ngobuthongo;ukanti ke umntu ongasebenziyo ubhuqwa yindlala.
16. Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.
17. Umntu opha ohlelelekileyo ufana noboleka uNdikhoyo;uNdikhoyo uya kumbuyisela.
18. Mqeqeshe unyana wakho, kuba oko kunika ithemba,kodwa ke ungagabadeli ude umbulale.
19. Umntu ocaphuka msinya uvuna loo nto ayilimileyo;ukuba ukhe wamnceda kwaba kanye uya kuphinda-phinda.
20. Waphulaphule amacebiso, ukwamkele ukululekwa –ekugqibeleni uya kuba nobulumko.
21. Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.
22. Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.
23. Obona bomi kukuhlonela uNdikhoyo;umntu owenjenjalo uyazonwabela, inkathazo ingamchaphazeli.
24. Ivila liyakha esityeni,kodwa lingabi nako ukusa emlonyeni.
25. Mohlwaye umntu odelelayo, ukuze bazuze ukuqonda abangekabi namava;isilumko siyafunda sakululekwa.
26. Unyana ophatha gadalala uyise, agxothe unina,ngunyana olihlazo nonamanyondololo.
27. Nyana wam, ukuba uthe walutyeshela uqeqesho,uya kuphulukana namazwi anolwazi.
28. Ingqina elingungantweni liyabugqwetha ubulungisa;okuphuma emlonyeni womntu okhohlakeleyo bububi bodwa.
29. Umgxeki ufanelwe kukugwetywa;ke sona isiyatha silindelwe kukutyatyushwa emhlana.