kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31

Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 11 Ibhayibhile (XHO96)

1. UNdikhoyo umthiyile umntu osebenzisa isilinganiso esinegobe;kambe ke uyamthanda lowo usebenzisa isilinganiso esingenaxanasi.

2. Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.

3. Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.

4. Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.

5. Indlela yabantu abamsulwa igudiswa sisimo sabo;ke bona abakhohlakeleyo bawiswa yinkohlakalo yabo.

6. Isimilo siyamsindisa umntu othe ngqo;kodwa bona abangcatshi babhajiswa kukunyoluka.

7. Akufa umntu okhohlakeleyo amathemba akhe ayadaka,nokukholosa kwakhe ngamandla akhe kuyaphutha.

8. Umntu olilungisa uyahlangulwa enkathazweni –endaweni yakhe iwa phezu kwesikhohlakali.

9. Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.

10. Inkqubela yamalungisa itsho uchulumance umzi wonke;kanti ke ukufa kwezikhohlakali kutsho kuhlokome yimivuyo.

11. Isixeko siyaphakanyiswa sakuthamsanqelwa ngabantu abathe ngqo;kambe ke wona amazwi ezikhohlakali ayasitshabalalisa isixeko.

12. Umntu ongenangqondo uyabanyemba abanye abantu;ke yona ingqondi ithi cwaka.

13. Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.

14. Isizwe esingenamcebisi siyawa;kanti ke xa sinabacebisi abaninzi siba luqilima.

15. Umntu omela omnye angamaziyo uyenzakala;ke yena ongavumiyo ukubamba isandla somnye ebhambathisa ukhuselekile.

16. Umfazi onesimilo uyahlonitshwa;ke wona amadoda aziindlavini azizuzela kuphela ubutyebi.

17. Umntu onobubele uyazimaseka;kambe ke yena ongqwabalala uyazenzakalisa.

18. Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.

19. Ubulungisa obububo busingisa ebomini;ke yena oleqa ububi usingisa ekufeni.

20. UNdikhoyo ubathiyile abantu abantliziyo zinenkohlakalo;kanti ke ukholiswa ngabasimo sisulungekileyo.

21. Ngokuqinisekileyo baya kohlwaywa abantu abenza izinto ezimbi;kambe ke bona abenza izinto ezilungileyo baya kusinda.

22. Ubunzwakazi bomfazi ongenangqiqobufana nomsesane wegolide empumlweni yehagu.

23. Umnqweno womntu olilungisa uzala ubuhle;ke lona ithemba lesikhohlakali liza nengqumbo.

24. Abanye abantu banezinwe kodwa bahambela phambili ngenkqubela;kanti ke bambi abasoluli isandla noko baya beswela ngokuswela.

25. Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.

26. Abantu bayamshwabulela umntu okubandezayo ukudla;kanti ke bayamthamsanqela lowo ukuthengisayo.

27. Umntu ofuna okuhle uzuza okulungileyo;phofu ke yena ozungula ububi uzuza kwabona.

28. Umntu okholosa ngobutyebi bakhe uvuthuluka njengamagqabi ebusika;ke yena umntu ofanelekileyo uhluma njengamagqabi entlakohlaza.

29. Umntu oyinkathazo ekhayeni udla ilifa elingumoya;sona isiyatha siba sisicaka sesilumko.

30. Isiqhamo sâbo balungisayo ngumthi onika ubomi;umntu onobulumko uhlangula imiphefumlo yabantu.

31. Umntu olilungisa umvuzo wakhe uwuzuza kwalapha emhlabeni;kobeka phi ke ukohlwaywa komqhankqalazi nomoni?