kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31

Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 10 Ibhayibhile (XHO96)

Izafobe zikaSolomon

1. Nazi izafobe zikaSolomon:Unyana osisilumko ulibhongo likayise,ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina.

2. Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni.

3. *UNdikhoyo soze abayeke abantu abalungileyo balambe,kambe ke zona izikhohlakali uyazithintela ingafezeki iminqweno yazo.

4. Umntu oqhokrwe izandla uba lihlwempu;ke yena okhutheleyo uba sisityebi.

5. Unyana oxakekayo evuna ngexesha lokuvuna ukhaliphile;kambe ke yena olalayo xa isivuno silungile lihlazo.

6. Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.

7. Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha.

8. Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.

9. Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

10. Umntu oyivalela amehlo inkohlakalo ubangela intlupheko,kambe ke isityhala esilavuzayo siya kubhanga.

11. Amazwi omntu olilungisa angumthombo wobomi;kanti ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.

12. Intiyo iphembelela ingxabano;ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.

13. Umntu oqondayo uthetha ubulumko,kanti ke umhlana wesinyabi ufanelwe yintonga.

14. Isilumko siyaluqoqosha ulwazi,kanti ke kona ukuthetha kwesityhakala kuza nentshabalalo.

15. Ubutyebi besinhanha lixhadi laso;ke bona ubuhlwempu yintshabalalo yosweleyo.

16. Ilungisa lixhamla ubomi ngemigudu yalo;ke yona inzuzo yesikhohlakali iphelela esonweni.

17. Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.

18. Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha.

19. Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho,kambe ke ozibambayo ekuthetheni unengqiqo.

20. Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.

21. Amazwi omntu onengqondo ayinzuzo kwabaninzi;kanti ke zona izityhakala zibulawa kukungayisebenzisi ingqondo.

22. Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;kambe ke yona ayihambi nazintsizi.

23. Isiyatha siyavuya xa sisenza ubugwenxa;phofu ke yena umntu onengqondo uyabuvuyela ubulumko.

24. Umntu okhohlakeleyo uzuza kanye le nto imnxunguphalisayo,kodwa yena olilungisa unikwa oko akufunayo.

25. Zakufika iinkqwithela zimka nabo abantu abakhohlakeleyo;kanti ke bona abanyanisekileyo bema ngxishi ngonaphakade.

26. Asinto umdintsi ukusetyenzelwa livila,nqwa neviniga emazinyweni okanye umsi emehlweni.

27. Ukuthobela uNdikhoyo kuyabongeza ubomi bomntu;kanti ke yona iminyaka yezibhoja iyanqanyulwa.

28. Ithemba lelungisa liza novuyo;ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.

29. Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi.

30. Ilungisa alisoze libhukuqwe;ke yena okhohlakeleyo ngekhe eme elizweni.

31. Umntu obhadlileyo uphuphuma ubulumko,kambe ke yena umntu ogqwethayo uya kunqunyulwa ulwimi.

32. Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo.