1. Umntu oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi;kodwa ke yena ongafuni kululekwa usisityhakala.
2. Umntu oziphethe kakuhle uyathandwa nguNdikhoyo,kambe ke akamfuni umntu onamayelenqe.
3. Akakho umntu onokuzinza eqamele ngenkohlakalo;kambe ke wona amalungisa amila abe neengcambu ezingenakugungqiswa.
4. Umfazi ofanelekileyo yintshinga yendoda yakhe;ke yena umfazi oyithwalela amahlazo indoda yakhe ufana nempehla emathanjeni ayo.
5. Iingcinga zamalungisa zinyanisekile;ke wona amacebo ezikhohlakali yinkohliso.
6. Amazwi abantu abakhohlakeleyo ngawokulalela igazi;kambe ke wona amazwi abantu abathe ngqo ayasindisa.
7. Sakukhiqwa isikhohlakali iyaphela intw' ebithethwa;kambe ke yona indlu yamalungisa ima imi.
8. Umntu onengqondo uxatyisiwe;phofu ke yena osisidodo ngengqondo akazelwe nto.
9. Kulungile ukuba ngongenagama, kodwa noko unaso isicaka,kunokuzenza isinhanha kodwa ulamba.
10. Umntu olilungisa uyazazelelela iimfuno zezilwanyana zakhe;kodwa nezona zenzo zingathi zihle zesikhohlakali ziba ngqwabalala.
11. Umntu olima amasimi akhe akasweli kutya;kambe ke bubuyatha ukulibala ngumsebenzi ongaphumi nto.
12. Umntu okhohlakeleyo usoloko efuna amaxhoba azuzwe ngabantu abanobubi;ke yona ingcambu yezityalo zamalungisa iyachuma.
13. Umntu ongento ubanjiswa kwangamazwi akhe agwenxa;ke lona ilungisa liyazikhulula enkathazweni.
14. Umntu ufumana ulutho aneliswe sisiqhamo sokuthetha kwakhe;kananjalo umsebenzi womntu ubuyela kwakuye.
15. Indlela yesityhakala ibonakala ilungile kwawaso amehlo;ke sona isilumko siyeva sakucetyiswa.
16. Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile;kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko.
17. Ingqina elinyanisekileyo lithetha inyaniso;ukanti ke ingqina elixokayo lisasaza ulwimi.
18. Amazwi okulavuza ahlabanisela njengekrele;kambe ke wona amazwi ezilumko ayaphilisa.
19. Inyaniso ima ngonaphakade;ke bona ubuxoki bobomzuzwana.
20. Abo bantliziyo zinenkohliso ngabo abacebi bobubi;kambe ke abakhuthaza uxolo bazuza ulonwabo.
21. Amalungisa akahlelwa bubi;ke bona abakhohlakeleyo baphahlwe ziinkathazo.
22. UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo.
23. Umntu oqiqayo akalubhengezi ulwazi lwakhe;ke sona isiyatha sihamba sivakalisa ubudenge baso.
24. Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka.
25. Amaxhala ayamtyhafisa umntu;ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya.
26. Ilungisa limalathisa indlela ummelwane;ke yona indlela yabakhohlakeleyo iyabalahlekisa.
27. Umntu onqenayo akayosi nenyamakazi le ayizingelayo;kodwa ke osebenzayo uzuza impahla exabisekileyo.
28. Indlela yobulungisa isinga ebomini;ewe, yiyo leyo indlela engasingisi ekufeni.