Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 49:9-26 Ibhayibhile (XHO96)

9. Andithi xa kuvunwa iidiliya ubakho umbhikico oshiyekayo?Andithi xa kufika amasela ebusuku ayeba ade anele?

10. Kodwa mna ndiya kumhluba konke anako uEsawu,ndimkhuphulule kwezo ndawo azimele kuzo,angabi nako tu ukufihlakala.Uya kucinywa igama yena nenzala yakhe,angabi saba nabo abazalwana nabamelwane.

11. Zishiyeni iinkedama zenu – ndiya kuzondla;kwanabahlolokazi benu mabakholose ngam.”

12. Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Niyabona, kwanâbo bakhangeleka ngathi abakufanelanga ukohlwaywa, nabo bayayisezwa indebe yengqumbo yam. Wena ke ubuya kuthini ukuphoswa sisibetho? Inene, nawe uya kuyisela loo ndebe.

13. Ndifunga iGama lam,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo: “IBhozera iya kuba sisothuso, nehlazo, nentshabhiso, nesiqalekiso, yona needolophu zayo zonke zibe ngamanxuwa ngonaphakade.”

14. Ndive udaba, luvela kuNdikhoyo,kuthunywe isigidimi ezintlangeni ukuthi:“Hlanganani, nilungele imfazwe;qulani, nizimisele ukuyihlasela.”

15. “Edom, ndiza kukwenza ube mncinane ezintlangeni,udeleke ebantwini.

16. Ulahlekisiwe kukoyikeka kwakho nalikratshi lakho,wena omi ezimfanteni zeengxondorha,wena ohleli kwiincopho zeentaba.Nokuba uyakhe phezulu indlu yakho,yaxela eyokhozi,ndokuthula apho.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

17. “Uya kuba sisothuso uEdom.Bonke abadlulayo baya kuthi makatha,baphoxise ngenxa yokubhukuqwa kwakhe.

18. Nqwa nokubhukuqwa kweSodom neGomora needolophu ezingqongileyokuya kuba njalo ukubhukuqwa kwelamaEdom –akuyi kuba sabakho bani uhlala khona,kungabikho kwamphambukeli apho.”Utsho uNdikhoyo.

19. “Njengengonyama ephuma kwiintshinyela zamatyholo aseJordan,isiya emadlelweni ahlala eyokozela,kuya kuba njalo ukumgxotha kwam ngephanyazo kwelakowabo uEdom.Ngubani na onyuliweyo nendiya kumalatha ukuze andenzele oku?Kakade ngubani na onjengam onokumelana nam,ingubani umalusi onokuxaba endleleni yam?

20. Ke ngoko liveni icebo likaNdikhoyo alicebileyo nge-Edom,izigqibo zakhe agqibe ngazo ngokubhekiselele kubemi bakwaTeman.Inene, namatakane aya kuqwengwa,umhlambi uthi khumnqa ngenxa yawo.

21. Ihlabathi liya kunyikima sisithonga sokuwa kwabo.Isandi sokukhala kwabo siya kuvakala de kuye kutsho kuLwandle oluBomvu.

22. Khangela, ukhozi luyantinga lundande;lutweza amaphiko phezu kweBhozera.Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaEdomiya kuba njengentliziyo yomfazi ophethwe yinimba.”

23. Malunga neDamasko *uNdikhoyo uthi:“Ihlazekile iHamati neApadi,kuba kuviwe iindaba ezimbi.Bancamile, bakhathazekile;bafana nolwandle olungenakuzola.

24. IDamasko ityhafile;ijikile, yasuka yabaleka.Ifikelwe kukunkwantya;ihlelwe yimbandezelo nenimba njengozalayo.

25. Hayi ukulahlwa kwesi sixeko ebesisakuba sesidumileyo,isixeko ebesisakuba yindawo yemihlali!

26. Inene, amadodana aso aya kuwa ezitalatweni;onke amajoni aso aya kuthi cwaka ngaloo mini.”Ewe, nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke; uthi:

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 49