Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 5:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Makhe ndintyiloze ndivum' ingoma,ingoma ngogxa wam nesidiliya sakhe.Ugxa wam wayenesidiliyakwinduli echuma kunene.

2. Wawuphethula umhlaba, wawageqa amatye,waza watyala idiliya yodidi.Kwalapho wakha nemboniselo;ngokunjalo wenza nesixovulelo.Waza ke wanqumama ekholosile;suka ke zona iidiliya zavela zingezizo.

3. “Athi ke, nina bemi baseJerusalem,ngokunjalo nani, bantu bakwaJuda!Ndiyanibongoza, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam.

4. Ngaba yintoni endingasenzelanga yona?Yiyiphi enye into engendisenzele yona?Ngaba uphi undonakele?Kaloku mna ndithe ndijonge iidiliya,suka sona savelisa ezingezizo.

5. Phulaphulani ke, mna ndinixelele,nantsi into endiya kusenza yona:ndoyisusa loo nto ndisibiyele ngayo,sitsho sibe sisisulu sokubhuqwa;ndiya kuzidiliza iindonga ezisibiyeleyo,imidiliya ibe sisisulu sokunyathelwa.

6. Ndosiyeka nje, side sibe lifusi;isidiliya singàthenwa, singàhlakulwa,sikhule utshungu nenkunzane.Namafu ngokwawo ndowagunyazisaukuze angasiphatheli namvula.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 5