Isidiliya *sikaNdikhoyo onamandla onke yindlu kaSirayeli;ewe, esi sidiliya ngamaJuda, wona angumyezo oligugu lakhe.Yena walindela okusemthethweni kuwo,suka wona ee dyubhu ngobutyadidi begazi!Wayelindele ubulungisa kuwo,suka yasisijwili sokuzibika!