Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 4:12-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Xenikweni uwusebenzayo umhlaba, awusayi kuphinda ukunike amandla awo; ùya kubhadula uphalaphale ehlabathini.

13. Wathi uKayin kuYehova, Ityala lam likhulu ngokungenakuthwalwa.

14. Yabona, ùndigxothile namhla phezu komhlaba; ndiya kusithela nasebusweni bakho, ndibhadule, ndiphalaphale ehlabathini; bathi bonke abantu abandifumanayo bandibulale.

15. Wathi uYehova kuye, Xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.

16. Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden.

17. UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wákha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki.

18. UEnoki wazalelwa uIradi; uIradi wazala uMehuyaheli; uMehuyaheli wazala uMetusaheli; uMetusaheli wazala uLameki.

19. ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila.

20. UAda wazala uYabhali; yena waba nguyise wabahlala ezintenteni, nabafuyileyo.

21. Igama lomninawa wakhe belinguYubhali; yena waba nguyise wabo bonke abaphatha uhadi nogwali.

22. UZila uthe naye wazala uTubhalekayin, obekhanda yonke impahla enobukhali yobhedu nesinyithi; udade woTubhalekayin ebenguNahama.

23. Wathi uLameki kubafazi bakhe,Ada noZila, liveni ilizwi lam!Bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam!Sendibulele indoda ngenxa yenxeba lam,Nendodana ngenxa yomvumbo wam;

24. Xa uKayin aya kuphindezelwa kasixhenxe,Yena uLameki uya kuphindezelwa kamashumi osixhenxe anesixhenxe.

25. UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete,* kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 4