Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 50:2-14 Ibhayibhile (XHO96)

2. “Xelani nivakalise ezintlangeni,niphakamise ibhanile niqononondise.Musani ukufihlisa, koko yithini:‘Ithinjiwe iBhabheli;uhlazekile uBhele;uMarduki uyankwantya luloyiko.Zihlazekile izithixo zabo;ziyankwantya izinto ezingamasikizi abazinqulayo.’

3. Kaloku ihlaselwe luhlanga lwasentlaoluya kwenza ilizwe libe senkangala.Aliyi kumiwa bani –bobaleka bemke abantu kwanezilwanyane.

4. “Ngaloo mihla nangelo xesha,”lowo ngumlomo kaNdikhoyo,“abantu bakwaSirayeli nabantu bakwaJudabaya kuhamba kunye belila,befuna uNdikhoyo uThixo wabo.

5. Baya kubuza indlela esinga eZiyon,babheke kuyo, bathi:‘Yizani, sizimanye noNdikhoyongomnqophiso ongenasiphelo nongasayi kulityalwa.’

6. “Abantu bam bâba ziigusha ezilahlekileyo;balahlekisiwe ngabelusi babo,babhadula ezintabeni,bajikeleza iintaba neenduli,bayilibala indawo yabo yokuphumla.

7. Babedliwa ngabo bonke ababafumanayo;iintshaba zabo zazisithi: ‘Asinatyala.Kaloku bamonile uNdikhoyo,yena olidlelo lenene,yena Ndikhoyo ithemba looyise.’

8. “Balekani niphume eBhabheli;lishiyeni izwe lamaKaledi,nixelise iinkunzi zeebhokwe ezikhokela umhlambi weegusha.

9. Kuba kaloku kwelasentla ndiya kuvelisa igqiza leentlanga ezinkulu;ndizifunzela eBhabheli.Ziya kuwacwangcisa amajoni, abe zizintlu zokulwa,ziyihlasele zivela ngasentla, ziyithimbe.Iintolo zabo ziya kuba njengamagorha anobuchule angabuyi elambatha.

10. Loba lixhoba elamaKaledi,abathimbi balo bathimbe bade banele.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

11. “Nakuba nivuya nidlamkile,nina baphangi belifa lam,nakuba nidloba njengethokazi elibhulayo,nakuba nikhala okweenkunzi zamahashe,

12. uya kuba neentloni gqitha unyoko iBhabheli;uya kuhlazeka onizeleyo.Niyabona, uya kuba ngowokugqibela ezintlangeni –intlango, umqwebedu, inkqantosi.

13. Ngenxa yengqumbo kaNdikhoyo uya kuba sisixeko esingamiwa bani,indawo eyinkangala mpela.Bonke abadlulayo eBhabeli baya kothuka,bathi khumnqa ngenxa yokubhukuqwa kwayo.

14. “Yakhani uhlelo, niyingqinge iBhabheli,nina nonke batyedi besaphetha.Tolani nitsho kuyo, ningashiyi lutolo,kuba imonile uNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 50