Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 65:12-23 Ibhayibhile (XHO96)

12. nina nimiselwe ikrele;ewe, xa ninonke niya kutshatyalaliswa.Kaloku anisabelanga ndakunibiza,aniphulaphulanga naxa ndithetha;suka nakhetha ukwenza ububindaweni yokwenza oko ndikuthandayo.”

13. Ngoko ke uMhlekazi uNdikhoyo uthi:“Izicaka zam zona zothi zisitya zihlutha,nibe ke nina nithe nca yindlala.Izicaka zam aziyi kuswela manzi,nibe ke nina nikhothekile lunxano.Zothi zona zichulumacha yimincili,nibe nina ninyoshoza ngamahlazo.

14. Izicaka zam zomemelela zinemihlali,ukanti nina nobhomboloza yintlungu,nincwine nikhwiniswa yinkxwaleko.

15. Ke lona igama lenu loba sisigculelo kubantu bam;uMhlekazi uNdikhoyo uya kunitshabalalisa,zona izicaka zakhe azinike igama elitsha.

16. Kweli lizwe ke othamsanqelayouya kwenjenjalo ngegama likaThixo onguThembekile,nofungayo uya kubiza uThixo onguThembekile.Kaloku iinkathazo zamandulo zoba sezalityalwa;ngenene, zoba zifihlakele ndingasazikhumbuli.”

17. *UNdikhoyo uthi:“Ewe, ndiza kudala amazulu amatsha,ngokunjalo nehlabathi elitsha.Ke yona indalo yamandulo iya kulityalwa ingabi sakhunjulwa.

18. Ngoko ke vuyani niqakathe ngenxa yale ndalo yam intsha;iJerusalem ndoyitsho ibe liqhayiya,nabantu bayo bavelise uchulumacho.

19. Nam ndoba nemincili ngenxa yeJerusalem,ndithatheke ndidlokove ngabantu bam.Khona soze sibe saviwa isijwili;ukufixiza nesilokozi ziya kuphela tu.

20. “Nokufa kweentsana kuya kunqamka;abantu bokhula bade bakhokhobe.Umntu ofe enekhulu leminyakauya kunconywa ngokuf' emncinci;kanti ke ongafikelelanga ekhulwiniyena kothiwa wambethwe lishwangusha.

21. Imizi abayakhayo abantu boyima;baya kutyala izidiliya, bazitye iziqhamo zazo.

22. Imizi abayakhayo ayiyi kumiwa ngabanye,nezinto abazilimileyo zingaxhatshazwa ngabanye.Kwanjengobude bobomi bemithi yoba njalo nemihla yabantu bam;ewe, abanyulwa bam baya kuwuxhamla ngenene umsebenzi wezandla zabo.

23. Bona abasayi kusebenzela ilize,bengasayi kuzalela isithwakumbe;koko boba ngabantu abathamsanqelweyo nguNdikhoyo,ngokunjalo nezizukulwana zabo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 65