Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 65:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uthi:“Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya.Kanti ndilindele abangandifuni nganto.Ndandisithi bokhala kum;kwathi kanti bona abakhw' apho.Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.

2. Imini yonke ndahlala ndikhongozele.Phi ke, ingunkanishe wesizwe nje,esiphikelene neendlela ezigwenxa,silandelana neengcamango zaso;

3. uhlanga olungandihoye nganto,olwasoloko luphikelene nokundicaphukisangokwenza amadini *ezithixo emiyezweni,lusenz' iziqhumiso kumaqonga ezitena;

4. abantu ungafika behlel' emangcwabeni,ebusuku bejikelezana nabangasekhoyo;zizintw' ezity' inyam' ehagu,ezithebeni lizothe lodwa;

5. baze ke bathi:‘Bhekelani, sanukusondela kuthi;musan' ukusichukumisa; singcwele.’Abantu abanjalo ke bayanditsarha;ngumlilo ondiqhumisela imini yonke.”

6. UNdikhoyo uthi:“Uyabona ke, sendigqibe konke,ibe ke andiyi kuthi cwaka;isohlwayo sabo sesijinga phezu kwabo;ngoko ndiya kubabuyekeza

7. ngenxa yezabo nezono zooyise.Kaloku bênza iziqhumiso ezindulini,baza ke mna bandingcikiva.Ngoko ke ndobabuyekeza kangangoko,ndibohlwaye ngezono zabo.”

8. UNdikhoyo uyathetha, uthi:“Idiliya entle ayitshatyalaliswa kunye naleyo yonakeleyo, koko ngayo kwenziwa iwayini.Nam ke ngenxa yazo izicaka zam andiyi kubatshabalalisa bonke.

9. Ndosuka ndimvelisele inzala uYakobi;abakwaJuda baya kuma kwilizwe lam,iintaba zalo zibe lilifa labanyulwa bam –ziya kuma kuzo izicaka zam.

10. ISharon yoba lidlelo lempahla,iinkomo ziphumle kwintili yeAkore;ezo ke zezabantu abalangazelela intando yam.

11. “Ke nina bamfulathelayo uNdikhoyo,abangayikhathaleleyo intaba yam eyodwa iZiyon –nina banqula uGadi noMeni, *izithixo zelaka nekamva –

12. nina nimiselwe ikrele;ewe, xa ninonke niya kutshatyalaliswa.Kaloku anisabelanga ndakunibiza,aniphulaphulanga naxa ndithetha;suka nakhetha ukwenza ububindaweni yokwenza oko ndikuthandayo.”

13. Ngoko ke uMhlekazi uNdikhoyo uthi:“Izicaka zam zona zothi zisitya zihlutha,nibe ke nina nithe nca yindlala.Izicaka zam aziyi kuswela manzi,nibe ke nina nikhothekile lunxano.Zothi zona zichulumacha yimincili,nibe nina ninyoshoza ngamahlazo.

14. Izicaka zam zomemelela zinemihlali,ukanti nina nobhomboloza yintlungu,nincwine nikhwiniswa yinkxwaleko.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 65