Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 63:2-11 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kutheni zibomvu nje iimpahla zakho,le nto ngathi zezabaxovula iidiliya?

3. *UNdikhoyo ke yena uthi:“Izizwe mna ndizixovule njengeediliya,kungekho namnye weza kundincedisa;ndazixangxatha ngeenyawo ndinomsindo,latsaza igazi lazo, landitsho ndankone.

4. Umhla wokuziphindezela wandifikela,yaye ixesha lokukhulula abantu bam lithwasile.

5. Ndaba ngathalaza, akwabikho undisizayo;ndamangaliseka kwakungabikho uxhasayo.Ngoko ke ndazizuzela uloyiso ngokwam;ewe, ndaxhaswa yingqumbo yam.

6. Emsindweni ke mna ndazinyhasha izizwe;ewe, mna ndazitsho zagxadazela,igazi lazo ndaligalela emhlabeni.”

7. Ndiya kuthetha ngezibele *zikaNdikhoyo;ndiya kumncoma ndimbonge ngemisebenzi yakhe,ngenxa yeentsikelelo zakhe kuSirayeli,nangenxa yenceba amthululele yona –ezingako zona izibele zothando lwakhe.

8. Ewe, uNdikhoyo suka wathi:“Bona ngabantu bam ncakasana;lusapho lwam, soze bandiqhathe.”Ngoko ke suka yena wabahlangula.

9. Embandezelweni yabo akachasananga nabo,basindiswa bubukho besithunywa sakhe.Ngenxa yothando novelwano yena wabakhulula;ewe, yena wabaphakamisa wabalondoloza,wahamba nabo ngayo yonke loo mihla yamandulo.

10. Phi ke, basuka bamvukela nje!Ewe, bangcungcuthekisa uMoya wakhe oyiNgcwele.Suka ke yena waba lutshaba lwabo,waza ke walwa nabo ngokwakhe.

11. Bada ke bona bayikhumbula imihla yamandulo;leyo ke yimihla kaMosis nabantu bakhe.Bakhalaza ke ngoko bathi:“Uphi ke ngoku lowo wabawezayo elwandle,ekhokela umhlambi nomalusi wawo?Yaz'ba uphi na ke ngoku uNdikhoyo,yena wabambesa ngoMoya wakhe oyiNgcwele?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 63