Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 57:1-16 Ibhayibhile (XHO96)

1. Amalungisa ayafa,kungabikho mntu ukhathalayo;abantu benene bayahamba,kungabikho bani uqondayo –bona bayafa ngenxa yobubi.

2. Kambe ke bangena eluxolweni;ukufa kubaphathela ukuphumlaabo bahamba ngendlela ethe ngqo.

3. “Yizan' apha ke, nina nzala yezanusekazi,sizukulwanandini sabakrexezi namahenyukazi!

4. Ngubani lo nidlala ngaye?Ngubani lo niphoxisa ngaye,lo nimlencezela ulwimi?Nzalandini yezibhoxi!Sizukulwanandini sabakhohlisi!

5. Zintondini zitshiseka emiokini,ze zilalane phantsi kwemithi efukufuku,nixhela abantwana ezingxingweni,emiqolombeni phantsi kwezawana.

6. Ilifa lenu ngamatye agudileyo ezingxingweni;isabelo senu zezo *zithixo.Zona nide nizithululele utywala,niziphe nomnikelo weenkozo.Nithi mandivelane nani kule mikhuba?

7. Amadini niwenzela ezintabeni eziphakamileyo,kanti kwalapho ninawo nomandlalo.

8. Emigubasini nasemva kocangokulapho nizizoba khona izithixo.Ngokundibaleka niwuhlubile umandlalo wenu,suka nawuvula nangena nezithandwa zenu,ezo nilala nazo ngokuzihlawula,khon' ukuze nizanelise ngazo.

9. Nto niyaziyo kukuziqaba nokuziqhola,nenjenjeya ukunqula uMoleki.Izithixo nide nizizingele,izigidimi zenu zixananaze,nithumele nakwelo labafileyo.

10. Nibhadula nide nidinwe, nifuna izithixo,kodwa anivumi ukuba yinkcitha-xesha.Anizilibali nisomelezwa zizithixo;yiyo le nto ngathianidinwa.”

11. *UNdikhoyo uyabuza, uthi:“Ngoobani ezi zithixo nizoyika kangaka?Ngenxa yazo nide anathembeka,mna anabi sandikhumbula mpela.Ngaba ndithule ndada ndagqithisale nto ningasandazele nto ngoku?

12. Ndosuka ndibudandalazise ubulungisa benu benkohliso,ngokunjalo nezenzo zenu;nolu nqulo lwenu luya kulambatha.

13. Xa nibhomboloza nizibika,azinincedi ngani izithixo zenu;kambe ke zona ziphetshethwa nangumoya lo,nditsho nomphunga lo.Ke bona abo bakholosa ngambaya kuma bazinze kulo mhlaba;ewe, intaba yam eyodwa ibe lilifa labo.”

14. *UNdikhoyo ke uthi:“Shenxisani izithintelo endleleni;bahlahleleni indlela abantu bam.”

15. Utsho uThixo ophakamileyo,uThixo oyedwa ophila ngonaphakade:“Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo,kanti ndiyahlala nasebantwini –kwabo bazinikelayo bathobekileyo –ukuze ndibahlaziye abathobekileyo,ndibakhuthaze abo bazinikelayo.

16. Andiyi kusoloko ndibamangalela abantu,ndingayi kusoloko ndisilwa nabo,hleze umntu atyhafe,adane lowo ndimenzileyo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 57