kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhosiya 9 Ibhayibhile (XHO96)

Ukugwetywa kukaSirayeli

1. Musa ukonwaba, Sirayeli;ewe, sukuvuya njengezinye izizwe.Kaloku wena umphambile uThixo wakho;wena usuke wamfulathela.Uthe phithi yimali yokuzithengisakuzo zonke izanda zokubhula.

2. Izanda nezixovulelo aziyi kuvelisa nto,newayini entsha yosuka inqongophale.

3. Awuzukuhlala kulo mhlaba *kaNdikhoyo.Ewe, úza kuphindela eJiputa uEfrayim;uya kutya ukutya okunomlaza eAsiriya.

4. Ewe, uNdikhoyo abayi kumenzela iminikelo yewayini;ayiyi kumanelisa iminikelo yabo.Kubo lo mnikelo wofana nesonka sabazili –abawutyileyo baya kuba nomlaza.Ukutya kwabo kolungela bona kuphela –akuyi kunikelwa kwindlu kaNdikhoyo.

5. Hee, niya kwenza ntoni ke ngemihla yemibhiyozo emisiweyo,ngomhla wetheko likaNdikhoyo?

6. Xa bangasindiyo ekutshatyalalisweniiJiputa yofika yona ibaqokelele,ke yena uMemfisi abangcwabe.Ubutyebi besiliva buya kukhulelwa lukhula,imizi yabo ibhijelwe yimithana enameva.

7. Iyeza imihla yesohlwayo –nditsho imihla yembuyekezo –noSirayeli ke uza kuqonda.Ngenxa yokwanda kobugwenxa benu,nobunzulu bentiyo yenu,*umshumayeli nithi sisityhakala,umntu onefuthe likaMoya uphambene.

Umshumayeli ngumlindi

8. Umshumayeli ngumlindi kaEfrayim,bantu abo bangaboThixo wam,kodwa ubekelwa izabatha,kuliwe naye endlwini yoThixo wakhe.

9. Ewe, bonakele ngokungathethekiyo;kunjengaloo mihla yaseGibheya.UThixo akabulibalanga ubugwenxa babo,yaye ke uza kubohlwayangenxa yezono zabo.

Isono sikaSirayeli neziqhamo zaso

10. Ndathi mhla ndamfumana uSirayelikwanga ndibhaqe iidiliya entlango;mhla ndabafumana ookhokho benuyaba ngathi ndibhaqe amakhiwane,makhiwane ke alulibo.Bathe bakufika eBhali-pehoresuka bazinikela kuBhali,baza bagqwaliseka njengaye kum.

11. Udumo lukaEfrayim lothi shwaka,luntinge lumke njengentaka.Akukho mfazi uya kukhulelwa;ewe, akukho mfazi uya kubeleka.

12. Naxa benabo abantwana abakhulayondobatshayela kuthi tu.Mawo-o-o! Yeka mhla ndabafulathela!

13. Ndambona uEfrayim enjengeTire,emi kwisithabazi somhlaba.Kambe abantwana bakhe baya kuzingelwa,bona boba zizisulu zokubulawa.

14. Azi ndothini na *kuNdikhoyo?Mandithi banike ntoni na kodwa?Izizalo ezingaphathi nto;amabele awomileyo.

15. Ngenxa yezono abazenza eGiligalimna ndatsho ndabacaphukela.Ngenxa yezenzo zabo ezigwenxandiza kubagxotha endlwini yam.Ukubathanda kwam kwaphusile;kaloku iinkokheli zabo zindivukele.

16. Ngenene uEfrayim uphanzile,womile ukususela ezingcanjini;ewe, akathwali ziqhamo.Noba angade azalendoyibhubhisa loo nzala ayithandayo.

17. UThixo wam wabalahla kwesinomhlwa;kaloku bona abamphulaphulanga.Ngoko ke boba ziimbacu ezizweni.