kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhosiya 14 Ibhayibhile (XHO96)

Kubongozwa uSirayeli

1. Khanibuye kaloku, maSirayeli;buyelani *kuNdikhoyo, kuThixo wenu.Kaloku niwile ngenxa yezono zenu.

2. Thathani la mazwi nibuyele kuNdikhoyo,nithethe naye nithi:“Sixolele bonke ubugwenxa bethu,uze wamkele okulungileyo;endaweni yeenkunzi zeenkomo sinikela kuwe ngamazwi emilebe yethu.

3. Akanakusisindisa uAsiriya;asiyi kukhwela mahashe emfazwe.Asiphindi sithi: ‘Thixo wethu,’ entweni esiyenze ngokwethu,kuba kukuwe apho inkedama ifumana inceba khona.”

4. “Ndiza kukunyanga ukunxaxha kwabo,ndibavave ngesisa sothando,kuba kaloku andisabaqumbelanga.

5. KuSirayeli ndoba njengombethe,atsho aqhakaze njengenyibiba,endele azike emhlabeni,afane nomsedare waseLebhanon.

6. Amasebe akhe aya kunaba,abe nomkhitha njengomnquma,aqhole njengomsedare waseLebhanon.

7. Abaphila phantsi kwephiko lakhebaya kuchuma njengengqolowa,badubule njengediliya,badume njengewayini yaseLebhanon.

8. Efrayim, andinanto yakwenza *nezithixo.Ndim osabelayo akukhathalele;ndifana nompayini ohlal' uluhlaza.Kungenxa yam uneziqhamo nje.”

Umqukumbelo

9. Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto;oqaphelayo uya kukwazi oku.Iindlela *zikaNdikhoyo zithe ngqo.Ke amalungisa ahamba ngazo;ke bona abakreqi ziyabakhubekisa.