kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhosiya 11 Ibhayibhile (XHO96)

Ukuthandwa kukaSirayeli

1. “USirayeli ndamthanda kwasebuncinaneni bakhe;ndambiza ukuba aphume eJiputa unyana wam.

2. Ndaba ngakhwaza ndimbiza uSirayeli,suka waya ebhekela kum.Baphikela ukunikela *kooBhali;imifanekiso eqingqiweyo bayenzela iziqhumiso.

3. Kodwa ndim ofundise uEfrayim ukucathula;ndim owamthi chu ngengalo.Kodwa abaqondi ukuba ndim obanyangileyo.

4. Bona ndabakhokela ndinovelwano;ewe, ndandiyimvuze-mvuze bububele.Ndabathula idyokhwe ebatyabulayo,ndaza ndathoba ndabafunzela.

5. Kambe ke abayi kubuyela kwaseJiputa,kodwa uAsiriya uya kubalawula.Kaloku abavumi ukubuyela kum.

6. Ezixekweni zabo komenyezel' ikrele.Lowanqunqa amanqwanqwa amasango,liwaphanzise namacebo abo.

7. Abantu bam bazimisele ukundishiya.Noba bangade bakhale kOphezu-konkeyena soze abaphakamise.

8. “Kodwa ndingathini ukukulahla, Efrayim?Ndingathini ukukuncama, Sirayeli?Ndingathini ukukuphatha njengeAdama,ndikwenze ufane neZebhoyim?Intliziyo yam iguqukile ngakuni;imfobe yam itsho yavuseleleka.

9. Andiyi kubuphumeza ubushushu bomsindo wam;andiyi kuphinda ndimbhubhise uEfrayim.Kaloku andimntu, ndinguThixo,uYedwa othe zwabha phakathi kwenu.Andiyi kuza ndinobushushu bomsindo.

10. Bosuka bamlandele *uNdikhoyo.Yena wovungama njengengonyama.Ke kaloku akubhavumlausapho lwakhe loza lungcangcazela;ewe, luya kuza ngasentshonalanga.

11. Boza benkwantya okweentaka bevela eJiputa;boba njengamahobe bevela eAsiriya.Ndobabuyisela emakhayeni abo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Isono sikaSirayeli

12. UEfrayim undijikeleza ngobuxoki;indlu kaSirayeli indithe nca ngenkohliso.UJuda yena uvukelana noThixo,nditsho uYedwa lowo uthembekileyo.