kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhosiya 6 Ibhayibhile (XHO96)

Ukuqaqadeka kukaSirayeli

1. “Yizani kaloku, sibuyele *kuNdikhoyo.Ewe, yena usidlakazile,kodwa usenako ukubuya asinyange.Ngenene yena usenzakalisile,ukanti ke angabuya asibophe.

2. Emva kweentsuku ezimbini wosidlisa ubomi,ngolwesithathu ke asivuse,sitsho siphile phambi kwakhe.

3. Hayi ke, masimvume uNdikhoyo;ewe, masikuxunele ukumazi.Ukubonakala kwakhe kuqiniseke njengokuphuma kwelanga.Uya kusifikela njengemvula yasebusika –njengeemvula zentlakohlaza ezinyakamisa umhlaba.”

4. “Mandikuthini na kodwa, Efrayim?Mandenze ntoni na ngawe, Juda?Uthando lwenu lunjengenkungu yakusasa,nqwa nombethe othi shwaka kwangoko.

5. Ngoko ke ndaninqunqa ngabashumayeli bam;ewe, ndinixhelile ngamazwi am,isigwebo silenya njengombane phezu kwenu.

6. Kaloku ndithanda inceba,andithandi minikelo.Ndinonelele ukwazi uThixongaphezu kwamadini atshiswayo.

7. EAdam bawaphula umnqophiso;ewe, khona basuka baqhankqalaza.

8. IGiliyadi sisixeko sabenza ububi,umzila weenyawo zayo umtyibilizi ligazi.

9. Njengezihange ezilalel' umntunababingeleli sisigqubu esikwanjalo,nasendleleni eya eShekem kulapho bagwinta khona.Ewe, benza izinto ezimanyumnyezi.

10. Kwindlu kaSirayeli ndibone into enkwantyisayo;kulapho ahenyuza khona uEfrayim.Awu, yeka ukuxabheleka kukaSirayeli!

11. Nakuwe kambe, ndlundini kaJuda, uyeza umhla wesivuno.“Ndakuba ndizimisele ukubabuyisela kundalashe abantu bam,