kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhosiya 3 Ibhayibhile (XHO96)

UHosiya ubuyelana nomfazi wakhe

1. *UNdikhoyo wathi kum: “Phinda umthande umfazi wakho nangona engumkrexezikazi othandana nandoda yimbi, kuba nam ndisamthanda uSirayeli nakubeni ngoku selethabathekile ngabanye oothixo, ethanda amaqebengwana anerasentyisi.”

2. Ngoko ke ndamhlawulela ngeshumi elinesihlanu leesiliva nangerhasi ebunzima buziikhilogram ezilikhulu mashumi mahlanu.

3. Ndathi kuye: “Uzuzigcinele mna imihla emininzi, ukuyeke ukuhenyuza oku, ungabi ngowandoda yimbi. Nam ke ndokwenjenjalo.”

4. Kuba kaloku amaSirayeli oba nethuba elide engenakumkani natshawe, kungekho dini litshiswayo nalitye linqulwayo, *engenasidanga *namilondekhaya.

5. Kamva ke amaSirayeli aya kubuya amfune uNdikhoyo uThixo wawo, nokumkani wawo uDavide. Ngemihla yokugqibela aya kuza kuNdikhoyo ngoloyiko, efuna iintsikelelo zakhe.