Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 12:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Enye ke yabuza kweso sithunywa sambethe ilinen, eso sasimi phezu kwamanzi omlambo, yathi: “Ngaba iya kuba lithuba elingakanani ukuze zifezekiswe ezi zinto zimangalisa kangaka?”

7. Ke isithunywa eso sambethe ilinen, eso sasimi phezu kwamanzi omlambo, saphakamisela ezulwini esokunene nesasekhohlo isandla, ndasiva sifunga uThixo uSonini-nanini, sisithi: “Iya kuba lithuba elimisiweyo elingamaxesha amathathu anesiqingatha. Ekufezekeni kwexesha, xa sele bophulwe amandla abantu abangcwele, zonke ezi zinto ziya kuba sezifezekisiwe.”

8. Ndayiva loo nto sasiyithetha isithunywa, kodwa andayilandela. Ngoko ke ndathi: “Kambe ke, nkosi yam, yoba yintoni isiphelo sayo yonke le nto?”

9. Saphendula ke sona sathi: “Khawuyekelele, Daniyeli! Kaloku ezi ndaba zezakwamkhozi; zitywiniwe lide lifike ithuba lokusongwa kwamaxesha.

10. Abantu abaninzi baya kuhlanjululwa, bacoceke, bacikizeke; ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kuqhubela phambili ngenkohlakalo yabo. Xa bebonke abakhohlakeleyo baya kuncitheka bangaqondi; ke zona izilumko ziya kuqonda.

11. “Ke kaloku ukusukela kwixesha lokunqanyulwa kwamadini emihla ngemihla nelokubekwa kwelo sikizi liphanzisayo yoba yimihla eliwaka makhulu mabini namashumi alithoba.

12. Kambe ke, hayi inyhweba yalowo ulinde ngomonde de kufike isiphelo semihla eliwaka elinamakhulu amathathu mashumi mathathu nantlanu!

13. “Ke wena qhubela phambili kude kube sekupheleni. Uya kuphumla; kodwa ke ekusongweni kwamaxesha ubuye uvuke, wamkele isabelo selifa lakho.”

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 12