9. Amasango ayo asuke azika emhlabeni;uyaphule wayikroboza imivalo yawo.Ukumkani neziphathamandla zayo bakwelasemzini phakathi kweentlanga;umthetho awusafundiswa;*abashumayeli bayo abasafumani mibono ivela kuNdikhoyo.
10. Amadoda amakhulu entombi enguZiyon athe bhaxa emhlabeni ethe cwaka.Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqa ezirhwexayo ezila;umthinjana waseJerusalem uqubude wawa ngobuso emhlabeni.
11. Amehlo am akaboni ziinyembezi;amathumbu am ayaxuxuzela;ndiphelelwe sisibindi,ngenxa yokubhuqwa kwabantu bakowethu,kuba abantwana neentsana baphelelwe ngamandla ezitalatweni zesixeko.
12. Babuza koonina bathi:“Siphi na isonka nesiselo?”xa besiwa isiduli ezitalatweni zesixeko, njengamadoda awoselweyo,xa beyoba besezandleni zoonina.