Testamente Endala

Testamente Entsha

Izililo 1:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Awu! Kusisizungu kwisixekoebesifudula sinenyambalala yabantu,nqwa nomhlolokazi obesakuba nodumo ezizweni.Lowo wayeyikumkanikazi yamazwana suka waba likhobokazana ngoku.

2. Uyangqukruleka elila ebusuku,izidlele zakhe zisihla iinyembezi.Kuzo zonke izithandwa zakhe akukho simthuthuzelayo;bonke abahlobo bakhe bamngcatshile, suka baziintshaba zakhe.

3. UJuda uye ekuthinjweni, weva iinkxwaleko nokusebenza nzima.Uhleli phakathi kweentlanga; akakufumani ukuphumla.Bamfumene bonke abamsukelayo, bamxina macala onke.

4. Zizilile iindlela ezibheka eZiyon,kuba akukho mntu uzayo kwimisitho yakhe.Asebugxwayibeni amasango akhe;ababingeleli bakhe babandezelekile;lusizi lodwa kumthinjana,ke yena usentlungwini ekrakra.

5. Ababandezeli bakhe basuke baba ziinkosi zakhe;iintshaba zakhe azinaxhala.Ubekwe elusizini *nguNdikhoyo ngenxa yezikreqo zakhe ezininzi.Abantwana bemkile ezweni labo, bangabathinjwa beentshaba.

6. Buphele tu ubungangamsha bentombi enguZiyon.Iziphathamandla zayo zinjengeenyamakazi ezingenadlelo;zibuthathaka zinjalo ziyasaba, zibaleka abasukeli.

7. Ngemihla yayo yenkxwaleko nokubhadulaiJerusalem iyabukhumbula bonke ubuncwane bayo bamandulo.Akubangakho mntu wakuyinceda xa abantu bayo babesoyiswa lutshaba.Iintshaba zayo zayiwa ngeentsini zakubona isiphelo sayo.

8. IJerusalem yone kakhulu,yaza ke ngoko yaba nomlaza.Bonke ababefudula beyihlonele basuke bayidela,kuba bebubonile ubuze bayo.Nayo itsho ngencwina,ide izifihle ubuso.

9. Ukungcola kwayo kunamathele kwizivatho zayo;ayilikhumbulelanga ikamva layo,kwaza kwakhwankqisa ukuwa kwayo.Akubangakho namnye uyithuthuzelayo.Ithi: “Awu, Ndikhoyo, bona iimbandezelo zam;kuba kaloku utshaba luyazigwagwisa.”

funda isahluko epheleleyo Izililo 1