Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 5:8-22 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ke uElisha umfo wakwaThixo uthe akuva ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule izambatho zakhe, wathumela kuye esithi: “Ngani ukuba ude ukrazule izambatho zakho? Loo mntu mthumele apha kum; uya kutsho aqonde ukuba ukho umshumayeli kwaSirayeli.”

9. Ngoko ke uNahaman wahamba naloo mahashe, nezo nqwelo zakhe, waya kuma esangweni kwamshumayeli uElisha.

10. UElisha wamthumelela isigidimi esithi: “Yiya emlanjeni iJordan, uhlambe kasixhenxe. Ulusu lwakho lobuyela kwimo yalo yangaphambili, uhlambuluke.”

11. Kambe ke uNahaman wemka apho egqusha ngumsindo, esithi: “Mna bendicinga ukuba lo mfo uya kuphuma eze kum, akhe eme anqule igama likaNdikhoyo uThixo wakhe, futhi akhe awangawangise nangesandla kule ndawo, ukuze ke ndinyangeke.

12. Kanti, ngaba akukho mlambo ngoku eDamasko? Ziye phi iAbhana neFarpare, imilambo yokwenyani edlula nawuphi na okwaSirayeli? Bendingehlambi khona ndihlambuluke?” Wajika, wahamba enomsindo.

13. Ke zona izicaka zikaNahaman zaya kuye, zathi: “Nkosi, ukuba umshumayeli lowa ebethe yenza into enkulu kunale, ngaba ubungayi kuyenza na? Kukangakanani ke, nkosi, xa yena esithi: ‘Hlamba ukuze uhlambuluke’!”

14. Ngoko ke uNahaman wehla waya eJordan, wafika wantywila khona kasixhenxe ngokwelizwi awayelixelelwe ngumfo wakwaThixo. Ngenene ke ulusu lwakhe lwahlaziyeka lwahlambuluka lwaba njengolomntwana.

15. Ke kaloku uNahaman namaphakathi akhe lawo onke babuyela kumfo wakwaThixo. Wema phambi kwakhe wathi: “Ngoku ndiyaqonda ukuba akukho Thixo wumbi ehlabathini liphela ngaphandle kwalowo wakwaSirayeli! Ngoko ke nceda wamkele nasi isipho osinikwa sisicaka sakho!”

16. Ke umshumayeli waphendula wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, lo ndimkhonzayo, andisayi kwamkela nento le!” Ewe, wala kwaphela, nakuba wazamayo ukumcenga uNahaman.

17. UNahaman waqhuba wenjenje: “Xa ke ungavumi ke, nkosi yam, mna ke ndiyakubongoza, mna sicaka sakho, mandiphiwe umhlaba ongumthwalo olingene iimeyile ezimbini, kuba kaloku mna sicaka sakho andisoze ndiphinde nditshise madini, ndenze naminikelo kuthixo ongomnye ngaphandle koNdikhoyo.

18. Kodwa ke uNdikhoyo makandixolele mna sicaka sakho, ngenxa yale ndawo: kaloku kuza kuthi xa inkosi yam ingena kwisibingelelo sikaRimon, isiya kunqula khona, ide ibambelele nakule ngalo yam, nam kofuneka ndikhahlele. Ewe, into endiyicelayo kukuba ndithi xa ndinqula apho esibingelelweni sikaRimon, uNdikhoyo andixolele mna sicaka sakho ngaloo nto.”

19. UElisha wathi kuye: “Hamba ngoxolo!”Emzuzwini, uNahaman selehambe umgama othile,

20. uGehazi ihlakani likaElisha, umfo wakwaThixo, wathetha yedwa wathi: “Hayi khona, inkosi yam le ide yagabadela ukumlungiselela oku lo mAram unguNahaman. Ingathini ukude ingathathi nomrhumo aze nawo lo? Hayi, suka; ekho nje uNdikhoyo, ndiza kumsukela, ukuze ndibe nento endiyifumanayo kuye!”

21. Waxhabasha ke uGehazi emva koNahaman. Uthe uNahaman akumbona ebaleka esiza ngakuye, suka wehla enqwelweni yakhe wamhlangabeza. Wabuza wathi: “Ngaba akukho nto yonakeleyo na kodwa?”

22. UGehazi uphendule wathi: “Hayi, akukho monakalo. Nto nje inkosi yam indithumile isithi: ‘Kukho bafana babini beqela labashumayeli abakhov' ukufika, bephuma kweleentaba lakwaEfrayim. Ngoko ke nceda ubaphe amawaka amathathu esiliva nezambatho ezibini zokutshintsha.’ ”

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 5