Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 10:15-27 Ibhayibhile (XHO96)

15. “Waza wathini ke uSamweli kuni?” kubuza uyisekazi.

16. “Usixelele ukuba iidonki zifunyenwe.” NguSawule ke otshoyo; phofu akachaza nto kuyisekazi ngentetho kaSamweli ngombandela wokuba ngukumkani.

17. Ke kaloku uSamweli wabiza abantu bakwaSirayeli ukuya *kwaNdikhoyo eMizpa.

18. Wabhekisa kubo wathi: “Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Ndim owakhupha amaSirayeli eJiputa, ndawahlangula kwingcinezelo yamaJiputa nezinye iikumkani.’

19. Kodwa ngoku nimfulathele uThixo wenu onihlangulayo kuzo zonke iinkxwaleko neenzingo, naza nathi: ‘Simisele ikumkani isilawule.’ Ngoko ke, dwelani apha phambi koNdikhoyo ngokwezizwe zenu neziduko zenu.”

20. Akuba uSamweli ezisondezile zonke izizwe zakwaSirayeli uNdikhoyo watyumba isizwe sakwaBhenjamin.

21. Waza uSamweli wasondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokweziduko zaso, kwaza kwatyunjwa indlu kaMatri, kuyo kwatyunjwa uSawule unyana kaKishe. Bamkhangela kodwa ababi nakumfumana.

22. Baza babuza kuNdikhoyo bathi: “Ngaba selefikile na?”UNdikhoyo wathi: “Ewe, nankuya ezimele phaya emva kwemithwalo.”

23. Akhawuleza aya kumrhola apho amadoda, amzisa ebantwini. Kwathi xa emi phakathi kwabo wavela ngentloko kubo bonke.

24. Wenjenje ke uSamweli ukubhekisa ebantwini: “Nanku ke umntu otyunjwe nguNdikhoyo. Niyabona nani ukuba akukho namnye onjengaye phakathi kwethu.”Baduma bonke abantu, bathi: “Huntshu-u-u, ad' akhokhob' ukumkani!”

25. Ke uSamweli wabachazela ngemigaqo yobukumkani, wayibhala encwadini, waza wayibeka phambi kukaNdikhoyo. Wabandulula ke bonke, bagoduka.

26. Naye uSawule waya kowabo eGibheya. Kwabakho magorha antliziyo zichukunyiswe nguThixo, ahamba naye.

27. Babakho kambe noongantweni ababesithi: “Yintoni engenziwa ngulaa mfo ukusihlangula?” Bamdela, abamenzela zinwe; phofu wathi cwaka yena uSawule.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 10